
Ngu Zukile Majova
Ixesha lifikile! UAce Magashule unikwe iintsuku ezisixhenxe ukuba achaze ngezenzo zakhe okanye azifumanele umbutho omtsha.
Ikomiti yoluleko yombutho weANC imnike iveki enye yokuchaza ukuba kutheni kufanele angagxothwa ngulombutho ngokuzama ukunqumamisa umongameli uCyril Ramaphosa ngonyaka ka2021.
Ufunyaniswe enetyala lokophula umgaqosiseko walombutho njengoko wayengenawo amandla ngokomthetho wekomiti elawulayo yalombutho ukuba anqumamise uRamaphosa.
Ngexesha lokunqunyanyiswa kwakhe uMagashule wayebandakanyeka kwingxelo yekomiti eyayiphanda ngokubanjwa ngobhongwana kombuso weli, malunga nokubayinxalenye yorhwaphilizo olwenzeka kwisiniki maxabiso esasixabisa iR250 million esasilungiselelwe ukukhupha amazinki eAsbestos eFree State.
Esisiniki maxabiso sakhutshwa ngethuba uMagashule wayeyinkulu baphathiswa yelaphondo. Lenkokheli yayisaya kulawula kumbutho weANC sele ibekwe ityala kwaye inkqubo yotshutshiso lwakhe iyaqhuba kwinkundla ephakamileyo yaseBloemfontein.
Unobhala jikelele ohleli kwesisihlalo uFikile Mbalula uthe: “Ukusilela kwakhe ukucela uxolo kubonakalisa ubugwenxa.
“Unikwa iintsuku ezisixhenxe ukusukela kusuku awaziswa ngalo ukuba enze imbalelwano ayithumele kwikomiti yoluleko ibonakalise ukuba kutheni kufuneka isiphakamiso sombutho weANC sokumnqumamisa kufuneka singamiliselwa njengesigwebo esifanelekileyo.”
Lendoda yayisakuba nobungangamsha kwiphondo lase Free State yaxabana noRamaphosa owohlula umgqatswa owayekhethwe nguMagashule uNkosazana Dalmini-Zuma kwinkomfa yonyulo yombutho weANC ngonyaka ka2017.
UMagashule owayengumxhasi ophambili olithemba lalowo wayesakuba ngumongameli weli uJacob Zuma, wayebonakala ekhokhele iqela elichasene noRamaphosa, elizibiza nge Radical Economic Transformation group, kumbutho weANC.
Wabalelona lungu liphezulu lombutho weANC ukuba lirhoxiswe esihlalweni phantsi kwesigqibo sokurhosisa ezihlalweni amalungu alombutho abandakanyeka kumatyala orhwaphilizo.
Esisiphakamiso sivuse umnyele sihamba phambili kwinzame zecala lika Ramaphosa ukususa amalungu alo mbutho abandakanyeka kwizenzo zokutyiwa kwemali yamaqumrhu karhulumente kunye nokusetyenziswa gwenxa kwenkqubo yentengo kurhulumente weli.
Akukacaci ukuba uMagashule uzakutshona kweliphi icala ukuya kuvuselela isakhono sakhe esiqhwalelayo kwezopolitiko, kodwa ubonwe onwabe nenkokheli zombutho weEFF ngethuba lobutho ububhiyozela usuku lokumiliselwa komqulu walo wenkululeko.
Umfanekiso ongasentla: UAce Magashule