Iqela lomculo iSoweto Choir izibonakalisile eMelika 

Ikwayala yolutsha yaseMzansi icule ingoma kaNightbirde ethi “It’s Ok” kukhuphiswano iAmerica’s Got Talent yashiya iijaji kunye nababukeli belila iinyembezi.  

Isigqibo sabo sokuchonga lengoma ka-Nightbirde basenze ngenjongo, njengoko bakhuthazwa libali lakhe kunye nomyalezo wakhe owomelezayo wokunyamezela xa ejongene nobunzima. 

indibanisela yamazwi abo amnandi kunye nenkqubo enamandla yekwayala yolutsha lwaseMzansi ibangele umdlalo omyoli owaphule yonke imiqobo yolwimi nenkcubeko. 

Inguqulelo yabo ethi “It’s Ok” ibonisa imizabalazo kunye noloyiso lomoya womntu. Impembelelo yemvakalelo ibonakele ngokwenene kwiijaji kunye nababukeli  ebebiza iinyembezi ngokukhululekileyo. 

Bekuthuleke kuthe cwaka ixesha elide kwigumbi elo njengoko intsholo yokugqibela yamazwi abo ibisithela kule holo de kwaphakama iijaji zema ngeenyawo zibonakalisa intlonipho. 

Ababukeli batsho ngentswahla yezandla, bevakalisa umbulelo ongazenzisiyo ngetalente yale kwayala nomnikelo osuk’ entliziyweni abawubonileyo. 

Ngomzuzu ongazange ubonwe ngaphambili, umphathi we-AGT, egutyungelwe yimvakalelo, wanika ababukeli amandla okuwonga iMzansi Youth Choir iGolden Buzzer. 

Imincili neenyembezi zovuyo bezizalise umoya njengoko amalungu ekwayala ewolana, bonganyelwe bubungangamsha bewonga abalinikwayo. 

USimon Cowell, omnye wejaji, uthe, “Nibonakalise ngokupheleleyo ukuba olukhiphiswano lungantoni kanye kanye”. 

I-Golden Buzzer, ihlala igcinelwe abagwebi, ibonisa umculo ekhethekileyo ngokwenene umsebenzi onamandla okuchukumisa kunye nokukhuthaza, okwenza ababukeli baqaphele igalelo lekwayala yolutsha loMzansi kuNightbirde kunye nobuchule babo bokuchukumisa umphefumlo womntu. 

Iqulunqwe ngumbhali wethu  

Umfanekiso ongasentla: iqela lomculo iMzantsi Youth Choir