
Ngu Buziwe Nocuze
Kubanjwe umqhubi wesithuthi sohlobo lwebakkie ebithutha abantwana ibasa esikolweni ngentseni yangolwesibini, emva kokuba ithe yantlitheka kwizibane zendlela yatyekeza abantwana bayokutshona phantsi kwetaxi kunye nebhasi yeGolden Arrows.
Lengozi yenzeke kwindlela iAZ Berman Drive eMitchell’s Plain isube imiphefumlo yabafundi abahlanu ngelixa ababini befumene ukonzakala.
Abafundi abahlanu abaswelekileyo ngabezikolo zamabanga aphantsi iBunesie, eHighlands, eWespoort, eHarveter neRidgeville. Abafundi ababini abalimeleyo ngabesikolo saseRidgeville kunye nesikolo samabanga aphakamileyo iLentegeur kwaye babalekiselwe esibhedlele ukuya kufumana unyango.
UZimkhitha Mnqamqeni oneminyaka engamsahumi amathathu anesihlanu, waseMakhaza eKhayelitsha ulahlekelwe sisizalwane sakhe esineminyaka emithandathu, uLelam Bethiwe kulengozi.
“Besisemsebenzini ngelixa sibona lemifanekiso kumakhasi ezonxibelelwano. Kulapho sitsalele umnxeba umnikazi wesithuthi sibuza uuba ingaba yimoto ethutha abantwana bethu na le ifumene ingozi. Sikhawuleze sayakufika kwindawo yexhwayelo sinethemba lokuba sizakumfumana, ngelishwa uphakathi kwamaxhoba aswelekele kwindawo yexhwayelo. Khange abalekiselwe nasesibhedlele,” utshilo uMnqanqeni.
Elinye ilungu losapho elilahlekelwe ngumntwana kulengozi lucele ukuba lunikwe ixesha labucala ukuze likwazi ukuzinzisa ezindaba.
“Ndinomsindo kubantu abathathe imiboniso ngelixa abantwana bethu belele endleleni kugcwele igazi. Bekutheni bengazicingeli iintsapho ezizakubona lemifanekiso nemiboniso eshicilelwe yafakwa kumakhasi ezonxibelelwano? Yintoni kona ebangela kushicilelwe imiboniso kwasekuqaleni?”
Ubongoze abantu ukuba bohlukane nokupapasha imiboniso nemifanekiso eloluhlobo kumakhasi ezonxibelelwano.
Umphathiswa wesebe lezemfundo kwiphondo laseNtshona Kapa uDavid Maynier uchaze olusuku njengolona lubi kwelaphondo.
“Ingozi emasikizi isube imiphefumlo yabafundi abaselula abahlanu, ababini bafumana unyango lwezempilo kwaye iqela lamagosa anikezela ngeenkonzo zoluleko lwengqondo kwizikolo ezichaphazelekileyo,” utshilo uMaynier.
Isithethi senkonzo yesipolisa kwiphondo lentsona Kapa uSergeant Wesley Twigg uqinisekisile ukuba umqhubi wesithuthi sebakkie oneminyaka engamashumi amahlanu anesihlanu ubanjelwe ityala lokubulala kwaye uzakuvela kwinkundla kamantyi eMitchell’s Plain yakuqukunjelwa inkqubo yokubekwa kwakhe ityala.
Iintsapho zamaxhoba zisaxhwalekile ngenxa yalelahleko, kwaye esisiganeko sishiye abahlali bothukile.
Umfanekiso ongasentla: Abantwana abahlanu basweleke kwingozi emasikizi eyehle eMitchell’s Plain ekapa ngentseni yangoLwesibini, besendleleni esingisa esikolweni
Imvelaphi yomfanekiso uThunyelwe