
Ngu Songeziwe Mapukata
Iingozi zendlela kwiphondo leMpuma Kapa ziphinde zasuba imiphefumlo njengoko kubhubhe amadoda amane kwingozi yesithuthi sohlobo lwePolo esintlitheke kwiloli ngoLwesibini.
Esisithuthi besisiya ngaseButterworh kuhola wendlela uN2 malunga nomkhono emva kwentsimbi yesithathu ngenjikalanga kumajiko jiko omfula uiKei, ngelixa ingena kwiloli ebizingisa ngaseMonti kwasweleka isine sonke ngoko nangoko.
Umqhubi weloli kunye nabakhweli ababini baphume bengafumananga monzakalo.
Inani labantu abasweleke kwingozi zendlela kweliphondo leMpuma Kapa liphindiwe kwiiyure nje ezingamashumi asixhenxe anesibini emva koko ngethuba kusweleka amadoda amahlanu kwingozi yemoto phakathi kweMaclear neUgie ngeCawa.
Isithethi samapolisa uBrigadier Thembinkosi Kinana uthe lengozi yenzeke kwindlela emanzi.
“Kuvulwe ityala lokubulala kwisikhululo samapolisa iKei Bridge ukuze kwenziwe uphando oluphangaleleyo,” uxelele iqonga leendaba iScrolla.Africa.
Omnye umqhubi uKim Monique Opelt obeqhuba esingise ngaseMonti ngethuba edlula kulendawo yexhwayelo. Uxelele iqonga leendaba iScrolla.Africa ukuba yomine lemizimba ibivaleleke kubugoxo besithuthi.
“Iinkonzo zoncedo lokuqala lwezempilo bezigqiba kufika kwindawo yexhwayelo ngelixa besidlula. Ibingumbono ombi ukubona imizimba yabantu ivaleleke emotweni ngolwahlobo,” utshilo.
Kwelinye icala ngentseni yangolwesibinni eKapa kuweseleke abafundi abahlanu, ababini bafumana ukonzakala kwingozi ebiquka isithuthi sabo sohlobo lweBakkie ebesibasa esikolweni kwingozi eyenzeke eMitchells Plain.
Abafundi abaphakathi kweminyaka esixhenxe ukuya kwishumi elinanye basweleke kumgaqo iAZ Berman Drive emva kokuba betyekezwe yilebakkie ngethuba intlitheka kwirobot. Ingxelo zithi umfundi oneminyaka emithandathu kunye noneminyaka elishumi elinesihlanu bafumene umonzakalo kwaye bafumana uncedo lwezempilo kwisibhedlele saseKapa.
Umfanekiso ongasentla: Ngabantu abane aphulukene nobomi babo ngelixa isithuthi sabo sohlobo lwePolo sintlitheka kwiloli kweliphondo leMpuma Kapa
Imvelaphi yomfanekiso: Isebe lezothutho lephondo leMpuma Kapa