
Ngu Buziwe Nocuze
ULungisa Valeni wadikwa kukulinda imisebenzi kurhulumente, waqalisa ishishini lokuziphilisa ngokubhaka isonka.
Lo somashishini waseGqeberha waliqalisa kanjalo ishishini lakhe.
“Ndaqonda ukuba ndilinda amathuba emisebenzi soze ndiphumelele ebomini,” utshilo uValeni.
Ngaphambi kokuqala ishishini lokwenza imibhako, wayesele eqalisile ukuthengisa ukutya eKapa.
Kodwa ishishini lakhe lokutya labanemiceli mngeni emininzi kwaye uValeni wagqiba kwelokuba abuyele kweli leMpuma Kapa. Kwathi kanti wenze isigqibo ezizakumnika impumelelo.
Uhambo lwakhe lwathatha indlela engaqhelekanga kuba wagqiba kwelokuba aphake emingcwabeni.
Nangona wadibana nokutyhafiswa esenziwa intlekisa ngabantu abakufutshane naye, waqinisa intloko wema kwisigqibo sakhe.
“Ndathi ndakuqala ukubhaka imibhako kwakukhona abantu ababe ndigxeka. Ndandibachazela ukuba bonke abantu bayawuthanda umbhako, kodwa ayingabo bonke abakwaziyo ukuwubhaka. Iyafana ke nalento ndiyenzayo ngoku. Andinantloni ngokupheka emingcwabeni,” utshilo.
Waziwa ngokutya kwakhe okumnandi kunye nombhako omnandi othambileyo, uValeni walandisa ishishini lakhe wangapheki emingcwabeni kuphela, kodwa nasemitshatweni kunye nemicimbi yolonwabo.
Umbhako ngamnye uxabisa amashumi asixhenxe eeRandi ngelixa ixabiso lokupheka emingcwabeni neminye imicimbi lixhomekeka kwinani labantu abaphekelayo.
“Ngamanye amaxesha ndenza iisalads ebusuku, ndenze namanye amalungiselelo, ngamanye amaxesha ndiphele ndingalalanga ubusuku bonke. Ndidla ngokuvuka ngentsimbi yesine kusasa,” ytshilo.
Umsebenzi ka Valeni awufani, kuxhomekeka kwimfuno zabathengi bakhe.
Abanye abathengi bathenga yonke intlobo yokutya edingekayo, kodwa ixesha elininzi ibanguye othenga yonke into aqalise apheke.
“Abantu banento eninzi abayithethayo ngento endiyenzayo, ingakumbi ukupheka emingcwabeni, kodwa ndifuna bazi ukuba baphoswa zizinto ezinizi kuba bachitha ixesha begxeka iinzame zabanye abantu,” utshilo uValeni.
“Ndiyawuthanda umsebenzi wam, kwaye ndingavuya ukuya nakwezinye iindawo abandifuna kuzo abantu.”
UMzimasi Notshizela ongumhlali eGqeberha umqhwabela izandla uValeni ngesibindi anaso.
“Andisebenzi kodwa soze ndiyenze into ayenzayo,” utshilo uNotshizela.
“Ndoyika into enokuthethwa ngabantu ingakumbi xakufuneka ndiphekile, kwaye ndihlale ubusuku bonke komnye umzi ngexesha lomngcwabo.”
Omnye umhlali uYonela Lukhele uthe akakholwa ukuba abantu bazame ukutyhafisa uValeni.
“Ngelixesha baxakekileyo bemgxeka, yena uzenzela ikamva elingcono. Akukho nto imbi xa amadoda engena kwicandelo lokupheka noiba kusemngcwabeni okanye eminye imicimbi,” utshilo uLukhele.
Umfanekiso ongasentla: ULungisa Valeni uwaziwa ngelika Bae Wombhako
Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe