Umasipala waseThekwini uchithe iR20 Million kwizitatyu zaseChina 

Ngu Celani Sikhakhane

Nangona zifike emva kweminyaka emihlanu.  

Kuvele imibuzo ejoliswe kumagosa omasipala waseThekwini emva kokufika kwezitatyu ezibini zamaqhawe omzabalazo uNelson Mandela kunye noOliver Tambo zivela eChina.  

Ngonyaka ka2018, kwakhona amarhe malunga nomasipala waseThekwini onenjongo zokuphumelelisa imali efikelele kwizigidi ezingamashumi amabini eeRandi yentengo yolwakhiwo lwemifanekiso emibini enobude bemitha ezilithoba. 

Lamarhe agalelwa amanzi ngulowo wayesakuba sisithethi sombutho weANC uZizi Kodwa kunye namagosa omasipala waseThekwini. 

“Amagosa anamava kumasipala waseThekwini ade aphika ukuba avumile ukuba kwakhiwe lemifanekiso kunye nokuphunyeleliswa kwenkcitho mali efikelele kwizigidi ezingamashumi amabini eeRandi. Siyazibuza ukuba bazothini kengoku kuba amaChina afikile ezise into ababeyiphikile ukuba bayiphumelelisile ngaphambili,” litshilo elinye igosa lalomasipala elinamava. 

“Lemifanekiso isagciniwe kwindawo engadizwanga kwaye akukho sigqibo sele sithathiwe malunga nokuba zizakumiswa phi kanye kanye. Abanye osopolitiki bafuna zibekwe eMgababa apho uOliver Tambo waqala watyelela khona emva kokubuya elubhacweni. Abanye bafuna zibekwe kufutshane neholo yesixeko sasThekwini ukuze zitsale abatyeleli.” 

Omnye umthombo othembekileyo udize ukuba bekukhona ixesha apho umasipala waseThekwini ubugafuni kubhatala, kodwa amaChina ama kwelokuba afuna intlawulo yawo.  

Uthe amaChina athi angayitshabalalisa lemifanekiso ixonkxiweyo kodwa basezakuyinyanzelisa intlawulo yabo.  

Kunyaka ophelileyo uMasipala waseThekwini uqinisekisile ukuphumelelisa ulwakhiwo lwalemifanekiso ixhonkxiweyo, eyayisele ikulungele ukuthunyelwa eMzantsi Afika isuka eChina.  

Usekela sodolophu waseThekwini uZandile Myeni uxelele iqonga leendaba iScrolla.Africa: “Andikwazi kuphawula ngalenyewe kuba icwangciselwe ukuba ixoxwe kwintlanganiso elandelayo yebhunga.” 

Lomasipala umbaxa ubulindele ukuba lemifanekiso ifike kunyaka ophelileyo, kodwa impi yaseUkrane yazilibazisa ezizicwangciso. 

Intloko yezonxibelelwano kumasipala waseThekwini uLindiwe Khuzwayo, uthembisile ukuphendula kwimibuzo ethunyelwe liqonga leendaba iScrolla.Africa kodwa wohluleka, lade labe liyapapashwa elinqaku.  

Umfanekiso ongasentla: Imifanekiso emikhulu kaNelson Mandela no Oliver Tambo ide yafika eThekwini. 

Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe