‘Umasipala ombaxa awukwazi ukuqhuba ngaphandle kwesikhokhelo’ utsho usodolophu waseNMB 

Ngu Anita Dangazele

Usodolophu osandula konyulwa kumasipala iNelson Mandela Bay uGary van Niekerk ubhengeze isigqeba sakhe nangona kukhona imbambano eqhubayo yokulwela izikhundla kulawulo lwamaqela aphikisayo akhokhelwe ngumbutho weANC.  

NgoMvulo uVan Niekerk ufumene ukugxekwa yinkokheli yePatriotic Alliance uGayton Mckenzi ngenxa yokulibazisa ukubhengeza ikomiti yakhe ngenxa yembambano eqhubayo kulomasipala.  

Kwinkomfa namajelo eendaba ngolwesibini, uVan Niekerk uthe uyayiqonda into yokuba uzakunyanzeleka aphendule kumaqela asebenzisana nawo ngokwenza isibhengezo ngethuba kusaqhuba iingxoxo malunga nezihlalo.  

Usodolophu ugxininise ukuba urhulumente omtsha sele ulahlekelwe lusuku olunye lokusebenza; ngako ke kufuneka sibhengeziwe isigqeba sakhe.  

“Besingakulungelanga ukwenza esisibhengezo izolo ngenxa yezizathu ezithile, phakathi kwazo kukuba ebengafumanekanga onke amalungu esigqeba sika sodolophu. Kodwa ungandixelela ukuba kutheni bengekho nanamhlanje? Yilonto kanye siqhubeka nesibhengezo.” 

“Lo masipala awukwazi kuqhuba usebenze ungenasikhokhelo. Ndinyanzelekile ukuba ndibhengeze isigqeba sika sodolophu namhlanje,” utshilo.  

Umbutho weEFF ebejonge izihlalo zokuhanjiswa kwenkonzo eziquka ulwakhiwo lweziseko nozobunjineli kunye nezecandelo lohlalo lwabiwomali ebelifunwa nangumbutho weANC.  

Ithathise kwikhasi likaFacebook lombutho wayo inkokheli yePA uGayton McKenzie ebhengeza ukuba kukho “impi enkulu” phakathi kwemibutho elawula ngentsebenziswano  kunye namaqela aphikisayo, ingakumbi umbutho weEFF awonwabanga linani lezihlalo kwisigqeba sika sodolophu ezinikwe umbutho wePA.  

“Kungenzeka sirhoxe kumasipala iNelson Mandela Bay,” utshilo uMcKenzie.  

Ngethuba kuqhuba lempi yokulwela izihlalo, uMcKenzie uthe iEFF iphakamise inkxalabo malunga nombutho wePA ofumene izihlalo ezibini kwisigqeba sika sodolophu.  

“UFloyd Shivambu uthumele umyalezo esithi iPA ayikwazi kufumana izihlalo ezibini kwisigqeba sika sodolophu kwaye kwaye bazakurhoxa eNelson Mandela [Bay].  

“Sithe wamkelekile. Ukuba uyarhoxa ngentsimbi yesibini enkqayini, nathi siyarhoxa eJoburg kwimizuzu emihlanu emva kwentsimbi yesibini,” utshilo uMcKenzie. 

Noxa kunjalo uVan Niekerk ubhengeze ilungu leEFF uKhanya Ngqisha njengelungu lekomiti yakhe elizakukhokhela icandelo leziseko kunye nezobunjineli ngelixa uItumeleng Ranyele weANC ezakuba yintloko yolwabiwo lwezimali kulomasipala.  

Ezinye izihlalo zabiwe ngoluhlobo: 

• Icandelo lombane namandla – Zanele Sikawuti (EFF) 

• Uzinziso loluntu — Thembinkosi Mafana (ANC) 

• Icandelo lemisebenzi- Yolisa Pali (ANC) 

• Icandelo lempilo yoluntu – Tshonono Buyeye (AIC) 

• Ulonwabo, ezemidlalo, inkcubeko manasiko- Bassie Kamana (PAC) 

• Uphuhliso loqoqosho, utyelelo kunye nezolimo — Lindoor Shuling (PA) 

• Ukhuselo nokhuseleko – Stag Mitchell (Northern Alliance) 

Akukacaci nokuba umbutho weEFF wonwabile kusini na njengoko isihlalo sokukholela icandelo lezimali nolwabiwo sinikwe umbutho weANC.  

Umfanekiso ongasentla: Usodolophu owonyulwe ngokutsha kumasipala iNelson Mandlela Bay 

Imvelaphi yomfanekiso: Ngu Anita Dangazele