
Ngu Songeziwe Mapukata
Kubanjwe indoda efunyaniswe nemipu kunye neembumbulu ezingekho mthethwemi kummandla owonganyelwe lulwaphulo mthetho lokubulawa kwabantu eMajola, eSajonisi kweliphondo leMpuma Kapa.
Ugqogqo obelukhokhelwe ngoochwepheshe bamapolisa lwenziwe kungekudala kutyelele umphathiswa wamapolisa uBheki Cele kulommandla, apho wathembisa utyalo lwecandelo elikhethekileyo lamapolisa ukuba aqubisane nobundlobongela obugqubayo kummandla waseMajola owonganyelwe yimpi.
Ngethuba logqogqo ngeyure zentseni yangoLwesihlanu kwiveki ephelileyo kwilali yaseMagangeni, amapolisa afumene umpu omkhulu wohlobo lwerifle kunye nompu omncinci. Yomibini lemipu ibinembumbulu.
Isithethi samapolisa uBrigadier Thembinkosi Kinana uxelele iqonga leendaba iScrolla.Africa ukuba olugqogqo luqaliswe ngabahlali baseMajola belandela umkhondo womrhanelwa,” utshilo.
UKinana uthe lomrhanelwa uneminyaka engamashumi amathathu anesihlanu, ubanjwe wasiwa kwisikhululo samapolisa eHlababomvu eLusikisiki apho alindeleke ukuba avele phambi kwenkundla kamantyi ngoLwesihlanu.
Ummandla waseMajola wambethwe zizenzo zobundlobongela kwaye ngamakhaya afikelele kwikhulu namashumi amabini asele etshisiwe basala abantu bengenandawo zokufihla intloko. Ngabantu abafikelele kumashumi amathathu kuquka nabantwana besikolo asele bebulewe oko kuthe kwaqhambuka obubundlobongela ngonyaka ka2021.
“Unobangela awukaziwa ngamapolisa, kwaye asifuni kuthetha into esingaqinisekanga ngayo, asiqinisekanga ukuba lendoda inesandla kweziziganeko kusini na,” utshilo uKinana.
“Imipu izakuyohlolwa ukuze kufunyaniswe ukuba, ingaba ike yasetyenziswa na kwiziganeko zolwaphulo mthetho,” utshilo.
Nangona kukhona amapolisa abonakalayo kulommandla, ezinye iintsapho azikho kumakhaya azo ngenxa yobubundlobongela, nto leyo ishiya amanina nabantwana bebodwa. Inkokheli yasekuhlaleni uNkosi Nolundi Meji akakwazanga ukuphawula.
Umfanekiso ongasentla: Imipu ethathwe ngamapolisa
Imvelaphi yomanekiso: Uthunyelwe