
Ngu Zukile Majova
Kuphele amahlahla okuzimela kulowo wayesakuba ngumongameli weli uJacob Zuma, njengoko inkundla igwebe ukuba zibhengezwe iinkcukacha zentlawulo yerhafu kaZuma.
Oku kuza emva kokuba inkundla yomgaqo siseko igwebe ngokuhambelana nesigwebo senkundla ephakamileyo sokuba iinkonzo yoMzantsi Afrika elawula iRhafu iSARS ingazikhupha inkcukacha zokuhlawula irhafu zalowo wayesakuba ngumongameli weli uJacob Zuma zinikwe iintatheli ukuba kukhona isidingo esifuna oko kuphando.
Esisibhengezo sinamandla kangaka sibonakalisa amandla omthetho okhuthaza ukunikezelwa kwenkcukacha iPromotion of Access to Information Act, obaluleke kakhulu kwinkululeko yamaphepha ndaba kumgaqosiseko wenkululeko.
Lenkundla inike umyalelo iSARS ukuba ihlaziye izigqibo sayo sokuvalela ngaphandle iphepha ndaba iFinancial Mail kunye nequmrhu Amabhungane Centre for Investigative Journailsm ukuba zingazifumani inkcukacha zokuhlawula irhafu zikaZuma.
Esisigwebo sibaluleke ngoluhlobo siyalele iPalamente ukuba ihlenga hlengise imithetho ehambelana nokuhlawulwa kwerhafu ingaphelanga iminyaka emibini.
Ingxelo zithi yiminyaka uZuma efumana intlawulo kusomashishini waseThekwini uRoy Moodley ngelixa wayengumongameli welizwe loMzantsi Afrika.
Ngokomthetho, umongameli oselulawulweni akavumelekanga ukuba afumane enye ingeniso ngelixa esengumongameli.
Kwincwadi ethengise kakuhle kakhulu ethi The President’s Keepers ebhalwe yintatheli ephandayo uJacques Pauw, uthe uZuma wayefumana intlawulo yenyanga nenyanga efikelele kwisigidi seeRandi evela kwinkampani iRoyal Security, eyinkampani yalosomashishini uphambili waseThekwini.
UPauw wathi ezinkcukacha zafunyaniswa ngamagosa akwa SARS ngonyaka ka2010, zibonakalisa ukuba uZuma wayeyinxalenye yabantu abahlawulwa nguMoodley ebuncinaneni iinyanga ezine ngonyaka ka2019, kunyaka wokuqala kwi-ofisi kamongameli.
Amagosa akwaSARS aqala abanezinto azirhanelayo kuba lenkampani yohluleka kukhlawula irhafu ebizwa ngePay As You Earn kaZuma, eyayivela ukuba uhlawulwa umvuzo.
Ngexesha lolawulo lukaZuma uMoodley wayefumana iziniki maxabiso zemali enkulu kunye nombuso weli, kuquka isiniki maxabiso esahlawula iR550 million evela kwinkampani yobuchwepheshe eyaphumelela isiniki maxabiso seebhiliyoni eziphindiweyo yatyikitya isivumelwano sentsebenziswano kunye nePassenger Rail Agency.
Umfanekiso ongasentla: Lowo wayesakuba ngumongameli weli uJacob Zuma
Imvelaphi yomfanekiso: @JGZ_Foundation