Ziyanda iingxaki zokushokoxeka kwemveliso yombane kwa Eskom

Ngu Zukile Majova

Ilizwe loMzantsi Afrika libuyele kwisiqhelo sokuphila kwisigaba sesithandathu sokucinywa kombane, njengoko amaziko alishumi avelisa umbane engasebenzi kwaEskom.

Oku kubonakalisa ukungazinzi kwamaziko okuphehla umbane asebenzisa amalahle akwaEskom, njengoko kungena ubusika ibe ingumyinge ongaphezu kwamashumi amathathu epesente zemveliso zombane ezingasebenziyo.

Oku kubangelwa yinkqubo yikusetyenziswa kweziniki maxabiso engayivumeliyo inkampani yakwa Eskom ukuba ithenge ngqo kubavelisi bemveliso ezidingekayo ukulungisa lamaziko, kuba ibangela ulibaziseko kwinkqubo yokuthengwa kwazo.

Iziphumo zoku kubangela unqongophalo lwemveliso yombane malunga ne3,000 MW ngenxa yeyunithi ezikhutshiweyo ziyolungiswa zizophinde zibuyiselwe emsebenzini, ekuyimveliso yombane enganceda ukunciphisa ukucinywa kombane ngezigaba ezithathu.

NgoMvulo unikezelo lombane belungonelanga ukuba amakhaya akwazi ukupheka okanye ukwenza shushu ngorhatya.

Inkampani yakwa Eskom ithi ilindele ukuba kunyuke ukusetyenziswa kombane ngokuhlwa, nto leyo izakubangela ukumiliselwa kwesigaba sesithandathu sokucinywa kombane ukusukela ngentsimbi yesine emalanga ukuya ngentsimbi yesihlanu kusasa zonke intsuku de kukhutshwe isimemezelo esitsha.

“Ngenxa yolibaziseko ukubuyisela emsebenzini iyunithi ezilishumi, isigaba sesithandathu sokucinywa kombane sizakumiliselwa. Imveliso yombane esiphulukana nayo ngenxa yokophuka kwemitshini ilinganiselwa ku18,751 MW ngelixa imitshini imileyo elindele ukuba ilungiswe inemveliso efikelele ku2,407MW.”

Ukusukela ngolwesibini, abahlali mabalindlele ukucinywa kombane amatyeli amathathu azakwenza iiyure ezisibhozo zokungabikho mbane kwi yure ezingamshumi amabini anesine zosuku.

Iindaba ezimnandi zezokuba, unikezelo lombane lulindeleke ukuba unyuke ngenyanga yeThupha xakubuyiselwa iyunithi enye emsebenzini kwisikhululo iKoeberg, ezakongeza imveliso yombane efikelele ku970 MW.

Ukanti imveliso ezongezelelweyo zombane kulindeleke ukuba zibuyele emsebenzini kwakulungiswa iiyunithi eziiqela kwiziko lokuphehla umbane iKusile uyunithi 1, 2 kunye no3 ezizakubuyela ngomhla wamashumi amabini anesibhozo kweyeNkanga, umhla weshumi elinanye kweyoMnga kunye nomhla wamashumi amabini anesine kweyoMnga.

Zizonke eziyunithi zivelisa umbane olinganiselwa ku2,400 MW kwaye umphathiswa wezombane uKgosientsho Ramokgopa uthembele ekubuyeleni kwazo emmsebenzini ukuze kunciohe isigaba sokucinywa kombane siye kwisigaba sokuqala aokanye eesibini ngeenyanga zasehlotyeni.

URamokgopa uxelele amajelo eendaba ukuba ulindlele imveliso yombane efikelele ku6,000 MW ezakongezwa kwimveliso yeli kwezinyanga zintandathu zizayo, kuquka nentengo yombane esuka kumazwe asingqongileyo.

“Sizakubina ukuncitshiswa okumandla kwenkqubo yokucinywa kombane. Sizakuthi sisokwenza zonke ezinkqubo, ezifana nokuthenga umbane eMozambiqueumzekelo, kunye nekqubio zokuthengwa kombane ozakusebenza ngamaxesha kaxakeka, ndizokwazi ukudibanisa ndibone ukuba ngamandla ombane amangakanani esizakuwafumana,” utshilo uRamokgopa.

Umfanekiso ongasentla: Abasebenzi bakwa Eskom.