Ubukumkani bakwaZulu bulungiselela ukuphucula abahlali

Ngu Celani Sikhakhane

Amalungu osapho lobukumkani baKwaZulu kwindlu kakumkani uMpande aceba ukuzivelisela umbane wawo ozakuncedisana nendawo zokuhlala zasemaphandleni ezifana naseShowe, ezichaphazeleka kakubi kakhulu yinkqubo yokucinywa kombane yakwaEskom.

Usapho lobukumkani lwafumana ngokusesikweni umhlaba olinganiselwa kwi Hectare eziyi 2.5 yezigidi phantsi kwenkqubo yokubuyiselwa komhlaba, kwafumaniseka ukuba umhlaba wabo ugcwele ziimveliso ezifana namalahle kunye ne iron ore. Inkqubo zokuqalisa ukombiwa kwazo iyaqhuba.

Inkosana uNkosinathi Zulu uthe ukombiwa kwezizimbiwa akuzuphazamisana nabahlali kwaye baceba ukuzivelisela umbane wabo.

“Ziyaqhuba izicwangciso zokuba sizivelisele umbane wethu ozakunikezwelwa kubahlali baseShowe naseMelmoth. Sizimisele ukufumana impepha mvume ezizakusivumela siwuthengisele nezinye indawo,” utshilo uNkosinathi.

Uthe iingxoxo nabatyali zimali ziyaqhuba ukuze kukhawuleze izicwangciso zabo zokuphuhlisa ekuhlaleni. Usapho lobukumkani baKwaZulu eNtembeni L uceba ukwakha iimveliso yalo yombane njengoko abanye abalimi kwiphondo laseKZN beqalisile ukuzivelisela owabo umbane.

Kungabakhona iingxaki ngokuhamba kwexesha. UEskom ubathathele enkundleni abahlali abangabalimi abazivelisela umbane, kodwa iingxoxo ziyaqhuba nabo bachaphazelekayo.

“Konke oku kuzoba kukuhlonipha utatomkhulu wethu uPhikankani owadlala indima enkulu ukuncedisa abantu abamnyama ukufumana indawo yokuhlala nemisebenzi eThekwini ngexesha lombuso wamakoloniyali,” utshilo uNkosinathi.

“Indima yakhe yabangela ukuba ahlonitshwe sisixeko saseThekwini, kodwa waxelela iziphatha mnandla zeloxesha ukuba endaweni yokumhlonipha kufuneka babize iTheku ngegama likatata wakhe uStheku kaMpade. Yilonto iDurban sele ibizwa ngeThekweni.”

Umfanekiso ongasentla: UKumkani uMpande ka Senzangakhona – Isizukulwana sakhe siceba ukuvelisa umbane waso
Imvelaphi yomfanekiso: SA History Online