Likhuthaza inkxaso itshantliziyo eliphumele esidlangalaleni ngempilo yalo

Ngu Buziwe Nocuze

Imiceli mngeni ejamelene noEsethu Mpumaphi malunga nokuzifumanisa enentsholongwane ka gawulayo, kwamkhuthaza ukuba aqalise ikhasi likaFacebook kunye no WhatsApp abizwa “Amangculaza Amahle”.

Lamakhasi avulelwa ukuba abantu abaphila nentsholongwane kaGawulayo bakwazi ukuncokola ngobunzima abahlangabezana nabo bekhululekile.


Lentwazana ineminyaka engamashumi amabini anesine waseSajonisi ulukhumbula ngokucacileyo usuku awazifumanisa ngalo ukuba unentsholongwane kaGawulayo.

Kwakungonyaka ka2019, eneminyaka elishumi elinesibhozo, ngethuba eye kwiziko lempilo alihambayo edolophini, eyekuzihlola ukuba akakhulelwanga na, njengoko kuyinxalenye yenkqubo yakhe yokucwangcisa.

“Kodwa umongikazi wandicebisa ukuba ndenze nohlolo lwentsholongwane kaGawulayo,” utshilo uMpumaphi.

“Ndandifuna ukuhlolelwa ukukhulelwa ukuze ndicwangcise ikamva lam. Zange ndicinge ukuba uhlolo lwalentsholongwane luzakubuya lusithi ndineHIV.”

Njengabantu abaninzi, wayekholelwa izinto ezingeyonyani malunga nolwasukeleko yintsholongwane kaGawulayo. Wayekholelwa ukuna ifunyanwa ngabantu ababelanangesondo namaqabane ohlukeneyo.

“Ndathi ndakuxelela iqabane lam ngemeko yokuzifumanisa nalentsholongwane, waphendula ngendlela ebonakalisa ukungakhathali wandibuza ukuba ndizakuthini nangoku njengoko ndinentsholongwane kaGawulayo. Ndagqibela ngoko ukuthetha naye,” utshilo.

“Ukuphila phakathi kwabantu abangayaziyo imeko yabo yempilo okanye abantu abangenayo intsholongwane kunzima kakhulu. Kwenza kubenzima ukusebenzisa amachiza.

Yilonto kanye waqalisa lamakhasi mabini.

“Kulamaqumrhu akulamakhasi, siyakhuthazana sinikane inkxaso. Sigxininisa ukubaluleka kokuthatha amachiza wakho,” utshilo.

Kwikhasi lakhe lika WhatsApp unabantu abafikelele kumakhulu amabini ngelixa ikhasi likaFacebook linamalungu angaphezu kwewaka.
Nangona wayothukile ekuqaleni uyabulela kakhulu ngenkxaso ayifumana kusapho lwakhe.

“Ukuzifumanisa nalentsholongwane kwayitshintsha impilo yam. Ukuphila ngokukhululekileyo nesisfo linyathelo elibalulekileyo. Ukunceda abanye abantu bamkele imeko yabo yempilo kuyandonwabisa kuba sonke siyayidinga inkxaso,” utshilo.

Yonke into itshintshile kutsha nje akudibana neqabane lakhe elineminyaka engamashumi amabini anesithoba.

“Ngaphambi kokufika kwakhe empilweni yam, ndandisele ndincamile kwezothando, ndijongene nempilo yama kuphela nokukhuthaza abanye abantu,” utshilo.

“Ndandilindele ukuba andishiye njengoko abanye benzanjalo ngaphambili, kodwa wandithanda nasemva kokufumanisa ukuba ndiphila nalentsholongwane.”

UMpumaphi ukholelwa ukuba ukuthetha khululekileyo kuvula amathuba okuba izithandani apho ommnye enalentsholongwane omnye angenayo bakwazi ukusebenzisa iindlela zokuzikhusela.

UAbongile Tutshana oliqabane lika Mpumaphi zange othuke akufumanisa ngokuba unentsholongwane.

“Ukubanentsholongwane kwakhe zange kutshintshe indlela endiziva ngayo ngaye. Ndiyambulela ngokukokwam. Ukungafihli indlela aphila ngayo kwandenza ndamthanda nangakumbi,” utshilo uTutshana.

“Abantu abazikhwebulayo kubantu abanentsholongwane ka Gawulayo bayaphoswa.”

Umfanekiso ongasentla: Ngu Esethu Mpumaphi
Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe