
Ngu Zukile Majova
Urhulumente wolawulo lwamaqela akhokhelwe yiANC kumasipala iNelson Mandela Bay, ujamelene nembambano ngenxa yezikhundla.
Urhulumente wentsebenziswano oquka umbutho weANC, iEFF kunye neNorthen Alliance ususe usodolophu ngempumelelo weDA uRetief Odendaal kwiveki ephelileyo.
Umbutho weEFF ujonge ukuthatha izikhundla ezinefuthe kwikomiti kasodolophu ezifana nelungu lekomiti kasodolophu elikhokhele icandelo lezimali kunye nelikhokhele ulwakhiwo lweziseko, lamacandelo ngawona afumana uhlahlo lwabiwomali olukhulu kunamanye amacandelo kwaye anoxanduva lokukhokhela inkqubo ezininzi zolwakhiwo lweziseko.
Kwelinye icala usodolophu omtsha uGary van Niekerk weNorthen Alliance khange afike kwinkomfa yakhe nonoondaba apho bekulindeleke ukuba abhengeze isigqeba sekomiti ka sodolophu esitsha.
UVan Niekerk ubethembise ukuba uzakukhawuleza amilisele ikomiti yakhe ukuze kuqaliswe umsebenzi nalapho athembise ukulwa nolwaphulomthetho olugquba ezilokishini kunye nokuphucula ukunikezelwa kweenkonzo kwindawo ezisemantla esixeko saseGqeberha.
Umbutho weANC sele usifumene isihlalo sikasomlomo webhunga apho konyulwe lowo wayesakuba ngusodolophu owakhutshwa nguOdendaal kwinyanga ezilishumi ezidlulileyo, uEugene Johnson.
Njengoko kumiliselwa isigqeba sika sodolophu, lemibutho isebenzisanayo ilwa ngesikhundla sika sekela sodolophu esifunwa ngumbutho weANC.
Ukungavisisani malunga nokwabelana ngezikhundla emva koloyiso lovoto kubangele ukuba ulawulo lwentsebenziswano ekhokhelwe yimibutho iANC neEFF eJohannesburg naseKurhuleni luphele kungekho sivumelwano sokuba ngubani ofanele ukuba ngusodolophu kwezizixeko.
Olukrwithakrwithano lubangele ukuba konyulwe imifanekiso yosodolophu ukuba bakhokhele ibhunga, apho umbutho weANC udlala indima yokulawula usodolophu emfihlakalweni.
UVan Niekerk uthe isixeko saseGqeberha sidinga indlela yokulwisana nenkqubo yokucinywa kombane ukuze kusinde amashishini kunye nemisebenzi.
“Sidinga ukusebenza nzima ukumilisela iindlela ezizezinye zokudambisa ulwamvila lwenkqubo yokucinywa kombane. Amashishini ayasokola ukufikelela kumlinganiselo weemveliso ezilindelekileyo, kwaye sizakuba nobusika obusemnyameni ukuba kuhamba ngendlela yenbalelwano ekhutshwe ngu Eskom kutsha nje.
“Iindlela zokuqubisana nocimi-cimi wombane zizakuba phambili kwimicimbi ezakushukuxwa,” utshilo kwintetho yakhe yolwamkelo.
Umasipala ombaxa iNelson Mandela Bay uphantsi koxinizelelo lokumilisela iindlela ezifanelekileyo zokuvelisa amathuba emisebenzi kunye nonikezelo olungena mkhethe lweziniki maxabiso kubantu abamnyama, abantu abamhlophe kunye nabantu bebala.
Umfanekiso ongasentla: Usodolophu omtsha waseNMB uGary van Niekerk wombutho iNorthen Alliance
Imvelaphi yomfanekiso: Ikhasi lika Twitter@NMandelaBuymuni