Alifumananga ubulungiswa kwisikhululo samapolisa ixhoba lokuxhatshazwa

Ngu Buziwe Nocuze

Owasetyhini oneminyaka engamshumi amathathu uphume evutha ngumsindo kwisikhululo samapolisa iPhilippi East, emva kokuba igosa lomthetho limjikisile efuna uncedo limtyhola ngokuba unxilile.

Ixhoba, elingumhlali kwindawo yamatyotyombe iMarikana, beliye kwesisikhululo samapolisa liyekuxela ukuxhatshazwa liqabane lalo, kodwa amapolisa akavumanga ukuvula ityala.

“Yminyaka iqabane lama lindixhaphaza ngalo lonke ixesha eselile. Zange ndake ndabanaso isibindi sokuzomvulela ityala. Kodwa ngeCawa undihlasele ngelixa ndiphethe unyana wethu,” utshilo.

Uthi umbethe ngentonga enkulu entloko.

“Ndafika kwisikhululo samapolisa ndisezintlungwini malung nemizuzu engamshumi amabini ananesihlanu emva kwentsimbi yesixhenxe ebusuku. Kwakuthulekile kwaye igosa ebelisemsebenzini lindibuzile ukuba kwenzeke ntoni. Ndichazile ukuba iqabane lam lindihlasele,” litshilo ixhoba.

Noxakuinjalo, endaweni yokuba limncede, eligosa limxelele ukuba makahlale esitulweni lamtyhola ngokuba phantsi kwempembelelo zotywala.

Ubexakiwe ukuba kutheni engahoywa, ixhoba lincame lagqiba kwelokuba ligoduke malunga nentsimbi yethoba ebusuku.

“Ndandiziva ukuba ndi dizzy ngenxa yenxeba elisentloko. Ndilixelele igosa lomthetho ukuba andinxilanga kodwa lendoda indihlaseleyo inxilile, kodwa eligosa belimile kwelokuba mandilinde ndihleli esitulweni,” utshilo.

“Ndakhetha ukugoduka kuba ndandiziva ndigodola kwaye ndi dizzy. Ndandingafuni kuba ndifeyintela kwisikhululo samapolisa, kwaye kwakungekho zimpawu zibonakalisa ukuba ndizakuncedwa.”

Ixhoba zange liphumelele ukuvula ityala ngakwiqabane lalo.

“Ndisoloko ndisiva abantu bekhalaza ngeenkonzo ezingekho mgangathweni kwisikhululo samapolisa, ngoku ndizibonele apha kum,” utshilo.

“Oku kubonakalisa esona sizathu sibangela amadoda aqhubeke nokjuxhaphaza amanina.

Bayayzi ukuba zisebenza njani izikhululo zamapolisa. Bendifuna abanjwe ukuze ndiyeke ukuba yinto yakhe yokubetha kodwa inkonzo yesipolisa yohlulekile ukundikhusela.”

Isithethi samapolisa sephindo laseNtshona Kapa uLeutenant Colonela Malcom Pojie uthe abakwazi kuqinisekisa ezizityholo okwangoku.

“Noxakunjalo, ezizityholo zithathwa njengezibaluleke kakhulu kuba lulwaphulo olujoliswe kumanina nabantwana kwaye ziyinxalenye yamatyala athathelwa phambile,” utshilo uPojie.

“Zonke izikhalazo kufuneka zithathelwe ingqalelo ngaphandle kokucalula, kubonakaliswa intlonipho nesidima, njengoko usitsho njalo nomgaqo siseko wethu kunye nendlela yikuziphatha yenkonzo yesipolisa.”

UNandipha Jompolo ngumhlali oneminyaka engamshumi amathathu anethoba, uthe inkonzo yesipolisa idinga ukuba ijongisise indlela eqhuba ngayo.

“Asikwazi ukunyamezela amagosa ohlulekayo ukwenza umsebenzi wawo. Lo wasetyhini ubengenawo amandla okuvula ityala iminyaka, wathi sele eyile ekugqibeleni wohluthwa ithuba lokwenjenjalo,” utshilo uJompolo.

Ufanekiso ongasentla: Owasetyhini obecela uncedo emva kokubethwa liqabane lakhe akafumananga ncedo koko utyholwe ngokunxila kwisikhululo samapolisa ePhilippi
Imvelaphi yomfanekiso: Ngu Buziwe Nocuze