
Ngu Celani Sikhakhane
Bavutha ngumsindo uKumkani uMisuzulu kaZwelithini kunye nosihlalo omtsha webhodi iNgonyama Trust emva kokubizwa “ngabantwana abangazinto” yinkokheli yomthomnyama esele inamava kuba isithi abakwazi kuthembeka ukuba bakhokhele iTrust exabisa izigidi ngezigidi zeeRandi.
Lenyewe ixelwe kwinkulu baphathiswa ekhokhele iinkokheli zemveli uPrince Mangosuthu Buthelezi, ixelwa nguNkosi Thanduyise Mzimela ongusihlalo omtsha webhodi ye-iNgonyama Trust.
Oku kuvezwe nguButhelezi kwintlanganiso ebeyibambe neenkokheli zemveli kwiholo iMbizi eMpangeni kumantka ephondo laKwaZulu Natal ngolwesihlanu.
Oku kwenzeke kwintlanganiso ebibanjelwe ekhayeni lakhe kwPhindangene, apho lentlanganiso ibizinyaswe nguMzimela, unkosi Bhekiyise Biyela, unkosi Dlomo kunye neNkosi yendawo yakwaMkhabela.
Kulentlanganiso uNkosi Mzimela ubelindeleke ukuba axelele uButhelezi ngokurhoxa kwakhe njengosihlalo webhodi ye-iNgonyama Trust.
“Into ayenzileyo uNkosi Mzimela kukutyhola uNkosi Biyela ngokudelela yena neKumkani esithi “ngabantwana”. Kodwa uDlomo noBiyela uzikhabile ezizityholo esithi uBiyela ebezama nje ukubonisa ukuba ikumkani kunye noMzimela abanalo nofifi malunga nokukhokhela imicimbi yeTrust,” utshilo uButhelezi.
Ikumkani yamaZulu kunye nenkulu baphathiswa yezemveli basempini ngenxa yokubekwa kosihlalo omtsha webhodi yeNgonyama Trust, njengoko uButhelezi ekukhaba ukubekwa kukaMzimela ngelithi akanokwazi ukukhokhela leTrust.
Uke waveza nokuba uAdvocate Linda Zama kufuneka abekwe abengusihlalo wethutyana ngaphambi kokuba kudluliselwe ulawulo kuMzimela emva kwexesha elithile.
UButhelezi uthe uKumkani uMisuzulu umxelele kamva ukuba ubeke uZama ukuba abe ngumcebisi kasihlalo webhodi, onguMzimela. Ngelixa ethetha nentlanganiso yeenkosi zemveli uButhelezi uthulule iinyembezi etyhola uKumkani uMisuzulu ngokubanjwa ngobhongwana ngusomashishini uJacob Mnisi.
Ubanga ngelithi umhlaba weNgonyama Trust usemngciphekweni wokubiwa ejongile ngabo bazisondeze kwikumkani. UButhelezi ubhengeze iinjongo zakhe zokushiya kwisihlalo asele ehleli kuso iminyaka engamashumi asixhenxe, kodwa iinkokheli zemveli zimcenge zimbongoza ukuba ahlale.
Isisombululo ibe sesokuba mabaqhubeke njengenkulu baphathiswa yenkokheli zemveli, kwaye axhase uKumkani uMisuzulu.
Umfanekiso ongasentla: Lowo ubesaya kubayijaji uJerome Ngwenya kunye nonkosi uBhekuyise Biyela, otyhola uKumkani uMisuzulu noNkosi Thanduyise Biyela ngabantwana abangazinto ngeNgonyama Trust.