
Ngu Karabo Rammutla
Inani labantu abaphulukene nobomi babo oko kuthe kwaqhambuka isifo sotyatyazo linyuke layakutsho kumashumi amabini anesine.
Kwelinani abangamashumi amabini anesithathu ngabaseHammanskraal ngelixa iphondo laseFree State lityikitye umntu omnye.
Lelokishi ikumantla esixeko saseTshwane sele ineminyaka emininzi iqubisana nemiceli mngeni yamanzi kwaye ixhomekeke kumanzi aziswa ngeetanki kuba amanzi aphuma kwiimpopo zamanzi akakhuselekanga.
Amagosa esixeko saseTshwane abongoza abahlali ukuba bangawaseli amanzi aphuma kwimpompo zamanzi. Umasipala akakwazi kuvalela ukunyuka kolwasuleleko lwesisifo kuba akakaqinisekisi ukuba iphi kanye intsusa yalentsholongwane.
Umongameli uCyril Ramaphosa ubhengeze ukuba uzakutyelela eHammanskraal kuleveki njyimeko exhalabile yilemeko.
“Ndithumele abaphathiswa ukuba baqubisane nalemeko. Umphathiswa wesebe lamanzi nococeko kunye nomphathiswa wezempilo ngabo abaqubisana nalemeko.
“Luxanduva lwabo ukuqubisana nemeko even kwaye baveza izisombululo. Siyasebenzisana kunye nomasipala wasekuhlaleni,” utshilo.
Ngaxeshanye, ngoLwesihlanu umphathiswa wesebe lamanzi nococeko uSenzo Mchunu udibene nosodolophu waseTshwane uCilliers Brink ukwakha icebo lentsebenziswano ekudala lidingeka malunga nokuhlaziywa kweziko lokucocwa kamanzi iRooiwal waste water treatment plant.
Ngexesha esothula intetho yohlahlo lwabiwo mali yesixeko kwiveki ephelileyo, uBrink uthe esisixeko soyazibophelela ukubekela bucala imali efikele ku R450 million koonyaka mali abathathu abalandelayo ukugqibezela isigaba sokuqala sokuphucula umgangatho weRooiwal treatment plant.
Kodwa uthe isigaba sesibini saleprojekhthi sizakuxabisa iR2,5 billion, mali leyo umasipala ungenayo.
“Ukugqibezela isigaba sesibini sokuphucula iRooiwal, esisixeko sizakudinga amanye amaqumrhu karhulumente angenelele ukuncedisa ukwenza ingxowa mali yeR2,5 billion edingekayo,” utshilo.
Umfanekiso ongasentla: Umomngameli uCyril Ramaphosa