Konyulwe iinkokheli ezintsha kwakhona kumasipala iNelson Mandela Bay 

Ngu Anita Dangazele

Umasipala iNelson Mandela Bay unosodolophu omtsha, kodwa hayi ngaphandle kokuqhambuka kodushe nombhodamo njengoko iyintlala yenzeka kwiintlanganiso zebhunga lwalomasipala. 

lentlanganiso yebhunga iqale ngenkundla ephakamileyo yaseGqebberha ibekela bucala iinzame zokuthintela lentlanganiso ukuba ingaqhubeki ngentseni yangolwesihlanu.  

Usekela sodolophu okhutshiweyo uMkhuseli Jack ebefake isicelo esikhawulezileyo kwinkundla ephakamileyo yaseGqeberha ukuba ithintele ibhunga lingaqhubeki nokuxoxwa kweziphakamiso zokuphelelwa lithemba ngakuye, uRetief Odendaal kunye noBill Harrington kwizikhundla zabo ngokulandelelana kwabo njengo sekela sodolophu, usodolophu kunye nombhexeshi oyintloko kulomasipala.  

Kuyo yonke lempikiswano ibisenzeka, kuqhambuke ukungavisisani malunga nolawulo lweMic phakathi koceba bombutho weEFF neDA kwanyanzeleka ukuba ngungenelele oonogada. Ekuqgibeleni uRetief Odendaal weDA ukhutshiwe kwisihla seofisi ephezulu kwesisixeko. 

UGary Van Niekerk weNorthern Alliance uvotelwe wangusodolophu omtsha womasipala iNelson Mandela Bay. Ungusodolophu wesithathu walomasipala emva konyulo loorhulumente basemakhaya lonyaka ka2021.  

Isihlalo sika sekela sodolophu sifunyenwe ngusihlalo wombutho weANC kulommandla uBabalwa Lobishe, nesihlalo sombhexeshi oyintloko siwele kwilungu lombutho weANC uWandisile Jikeka.  

Ukukhutshwa elulawulweni korhulumente wentsebenziswano obukhokhelwe ngumbutho weDA kuza njengoko lombutho usezinkundleni usilelwa ukutshintshwa kwendlela yorhulumento lwalomasipala, apho luzakube lusuka kwikomiti kasodolophu kusetyenziswe inkqubo yesigqeba semibutho eyohlukeneyo. 

Umbutho weDA kulommandla ukrwece inkundla ukunqanda umphathiswa wesebe lorhulumento ntentsebenziswano nemicimbi yemveli uZolile Wiliams ukuba angayimiliseli lenkqubo intsha ezakutshintsha kwaphela isigqeba esilawulayo kulomasipala. 

Ngenyanga yoMnga kunyaka ophelileyo uWilliams wapapasha isaziso sika Section 12 esizakumilisela olutshintsho, nalapho urhulumente wentsebenziswano obukhokhelwe yiDA yathi yaphikisa olutshintsho. 

Ukuba inkundla igweba ngokuhambiselana nesebe lakwa Cogta, lonto ithetha ukuba iANC izakunyanzeleka yabelane ngamandla olawulo nombutho weDA. Kuseza kubonakala ukuba umbutho weANC uyaqhubeka kusini na notshintsho oluza noSection 12.  

Umfanekiso ongasentla: Usodophu omtsha womasipala iNelson Mandela Bay uGary Van Niekerk, nosekela wakhe uBabalwa Lobishe kunye nombhexeshi oyintloko omtsha uWandisile Jikeka. 

Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe