
Ngu Doreen Mokgolo
Abahlali baseDuduza, eLangaville naKwa-Thema Ekurhuleni abayinxalenye yeqela elilwa nolwaphulo mthetho iBattalion anti-crime group, bazimisele ukususa neengcambu ukushushumbiswa kweziyobisi okwenzeka kulemimandla.
Oko lathi lamiliselwa eliqela kunyaka ophelileyo, ngentsebenziswano namapolisa aseDududza, sele kufunyaniswe isixa esikhulu seziyobisi ezisetyenziselwa ulonwabo kunye nentsango.
Ngolwesihlanu, abarhanelwa ababini babanjwe kugqogqo obelusenziwa kwisitalato iMashinini naseMasechaba Extension two, emva kophando oluthathe iiveki lusenziwa leliqela lilwa ulwaphulo mthetho kunye namapolisa.
Esisibini sifunyenwe kanye ngethuba sipakisha iziyobisi silungiselela ukuya kuthengisa.
Isithethi samapolisa uSergeant Harry Manaka uthe ngumlinganiselo omkhulu kakhulu weziyobisi zolonwabo eziquka iMandrax, icrystal meth kunye necuba labathwa ezifunyenwe ngamapolisa ngexesha logqogqo.
UManaka uthe abarhanelwa bazakuvela phambi kwenkundla kamantyi iNigel ngokukhawuleza.
Oku kulandela izihlandlo ezithathu ezizezinye zogqogqo olubeyimpumelelo olwenziwe Kwa-Thema naseNigel kwiveki ezimbalwa ezidlulileyo. Abashushumbisi beziyobisi bavalelwa ezikoneni kwaye ziindawo ezingaphezu kwamashumi amathathu ebezishushumbisa iziyobisi esele zivalwe ngempumelelo kulemimandla.
Eliqela lamiliselwa emva kokubona inkxalabo kubahlali kuba abathengisi beziyobisi banyanzelisa abafundi ukuba bathengise iziyobisi kwizikolo zasekuhlaleni.
UNsizwa Mekgwe olilungu leqela iLast Battalion uthe abantu ekuhlaleni badikiwe ngoonqevu abalawulayo kwizitalato zabo. “Sinabantwana abahlala kulemeko ntsuku zonke. Bangazibona besiba ngamaxhoba abathengisi beziyobisi baphele sele bengamaxhoba atshaya iziyobisi.
“Ukuba asilwi ngoku, ngomso singabe sele siphelelwe lixesha,” utshilo. Wongeze ngelithi bafumene izigrogriso kubashushumbisi beziyobisi balommandla, kodwa abazuphela mandla bazakuyilwa lempi.
Omnye umhlali ovakalise inkxalabo uSonto Motla uthe inye kuphela into ezokwenza kukhuseleke kwakhona kwizitalato zabo kukuba abahlali babeyimbumba besilwa abashushumbisi beziyobisi.
“Kwikona nekona kuthengiswa iziyobisi, ingakumbi abantu abatsha kunye nezipaza zabemi bangaphandle. Kuquka amanina nabantu abafumana imali yendodla bathengisa iziyobisi. Soyoyika ukuyeka abantwana bethu badlale ezindleleni okanye sibathumele kwivenkile zasekuhlaleni bengagadwanga kuba sinoloyiko lokuba bazakutsalelwa kwiziyobisi,” utshilo.
UMotla wongeze ngelithi amapolisa akanokwazi ukulwa neziyobisi ewodwa kuba adinga inkxaso yabahlali. “Siyabazi ngamagama abantu abathengisa iziyobisi, kwaye siyabazi nokuba bahlalaphi. Masithetheni,” utshilo.
Umfanekiso ongasentla: Kubanjwe abathengisi beziyobisi ababini, ngenxa yomsebenzi qequmrhu iLast Battalion
Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe