
Ngu Songeziwe Mapukata
Ixhoba lesibini lize ngaphambili lityhola indoda eneminyaka engamashumi amane ananye yaseMthatha ngokulidlwengula, ngelixa kanye lendoda iseziseleni ijamelene netyala lokudlwengula intombi yayo.
Ixhoba lesibini lifake esisityholo ngelixa umrhanelwa ebevele okwesibini kwinkundla kamantyi eMthatha ngolwesithathu. Uphinde wasirhoxisa isicelo sakhe sebheyile ebesifakile ngaphambili.
Ixhoba lesibini lineminyaka elishumi elinesihlanu, kwaye ngumtshana womrhanelwa. Iziganeko zokuxhatshazwa ngokwesondo zaqala ixhoba lineminyaka elishumi elinesibini, emana eliphathaphatha ilungu langasese kwaye egudla ubudoda bakhe phakathi kwamathanga alo.
Othethela usapho litshantliziyo lamalungelo oluntu, uCoceka Gantile uxelele iqonga leendaba iScrolla.Africa ukuba: “Umntwana ufunda isikolo samabanga aphakamileyo. Usapho lusaxhwalekile kwaye unina womntwana kunzima kakhulu ukwamkela nesisiganeko asifumanisileyo.”
UGantile uthe abantu abaninzi bayabazi ukuba bangobani kwaye babuza imibuzo. Oku akungeni kakuhle kubo.
“Usapho luyawaxhasa kakhulu omabini amaxhoba, kodwa luhambo olunzima kubo. Ngokwengqondo badinga uncedo olukhawulezayo, endisazama ukubafumanela lona. Abaziva kamnandi kwaphela.”
Ekuqaleni kwenyanga kaCanzibe iqonga leendaba iScrolla.Africa lapapsha iingxelo ezithi umtyholwa uSiyanda Sobethwa ebedlwengula intombi yakhe isithuba esingange minyaka elithoba, ngoku sele ineminyaka elishumi elinesixhenxe.
Sathetha nonina wexhoba owachaza ukuba intombi yakhe ibinethemba lokufumana isikolo edyunivesithi emva kokuphumelela ibanga leshumi kunyaka ophelileyo. Wakhetha ukuthetha ngokuxhatshazwa kwakhe ngokwesondo emva kokuba amaphupha akhe engazange afezeke. Le ntwazana yaqala ukuxhatshazwa ngesondo nguyise iseneminyaka esibhozo.
Nangona wayegrogrisa intombi yakhe ngokuyibulala ukuba ikhe yaxelela nabani na, izolo umama wexhoba uxelele iqonga leendaba iScrolla.AFrica ukuba baziva bekhululekile njengoko umrhanelwa eseziseleni.
Igunyabantu lotshutshiso alifumanekanga ukuphawula. Elityala lilindeleke ukuba liphinde lithathise kwakhona kwinkundla yamatyala yaseMthatha ngomhla weshumi elinanye ngenyanga yeKhala.
Umfanekiso ongasentla: Uthathwe kwimifanekiso yomnatha iStock images