
Micheal Madyirha
Iqela le Orlando Pirates linamathuba okugqiba isizini lineembasa ezininzi ukodlula iqela leMamelodi Sundowns.
AmaBuccaneer azakuqubisana neSekhukhune United kumdlalo wamagqibela kankqoyi eNedbank Cup ngoMgqibelo, nalapho umqeqeshi wePirates anethuba lokuba ongeze enye imbasa kuleyo yeMTN8 awayiphumelela ebutsheni besizini.
ISundowns sele iyigqibile isizini yalo nalapho ithathe imbasa yePremier Soccer League ukuzibonakalisa ngomsebenzi omkhulu ewenzayo ukutyala kwintengo yabadlali.
Kwiveki nje ezintandathu ezidlulileyo iqela leBrazilians libonakele lisiza kakuhle kulesizini, kodwa yonke into ijike yayincindi yakhala emva kokukhutshelwa ngaphandle kukhuphiswano lweNedbank Cup kunye ne CAF Champiomns League.
Kodwa ngoku liqela lePirates elinokugqiba isizini neembasa ezininzi – emva kokuba libuye kwiChampions League laphumelela indebe yeMTN8 kwaye ngoku linethuba lokuphumelele ukhuphiswano oluphambili kwibhola ekhatywayo yoMzantsi Afrika.
Umdlali waseSiswini uMiguel Timm uyayazi indlela abanokudlala ngayo beliqela leBuccaneers kodwa akavumi ukuba banokwenza ngcono ngaphezu kwaMasandawana kule sizini.
“Anditsho ukuba andonwabanga kukuba sifikelele kwimidlalo yamagqibela kankqoyi kukhuphiswano lwendebe ezimbini, kodwa sinako ukwenza ngaphezu koku,” utshilo uTimm exelela amajelo eendaba.
“Akukho namnye kuthi ozifanisa nabo[iSundowns]. Sijonge nje kuhambo lwethu. Zange sazifanisa ukubona ukuba sikude kangakanani neqela elitshotshentla kwilog, iintshatsheli.”
Njengoko iPirates ijonge ukuphumelela indebe yeNedbank Cup, le yindebe uTimm ayaziyo emva kokuyiphumelela ngonyaka ka2021, ngelixa wayekwiqela iTshakhuma Tsha Madzivhandila.
Lomdlali wasesiswini akafuni kuzijonga njengekhonkco lentlahla kweliqela njengoko iindlela zikhombe kumdlalo wangoMgqibelo.
“Andikholelwa kwintlahla. Ndicinga ukuba kufanele kube yintsebenziswano yeqela, hayi ukuba mna ndizisa intlahla,” utshilo uTimm.
“Ndicinga ukuba ndizimanye neqela labadlali, kunye nabaqeqeshi abafuna ukuphumelela, kunye neqela lebhola ekhatywayo elifanelwe kukuphumelela.”
IPirates yagqibela ukuphumelela iNedbank Cup ngonyaka ka2014, ngelixa iSekhukhune United isalindele ukuba izifumanele inqatha lokufumana nayiphi indebe kwesisigaba seligi esiphezulu.
Umfanekiso ongasentla: Abadlali beOrlando Pirates bebhiyoza
Imvelaphi yomfanekiso: Uvela kwiOrlando Pirates