ULawrence uphumelele ibanga leshumi emva kweminyaka engamashumi amane anesithathu! 

Ngu Doreen Mokgolo

Inkonde uLawrence Xipu, obefunda Kwa-Thema Community Learning Centre ubonakalisile ukuba akuphelelwa lixesha ukufezekisa amaphupha.  

Lendoda ineminyaka engamashumi amathandathu anesithathu yaKwa-Thema Ekurhuleni yenye yabafundi abangamawaka abebechophele imviwo zebanga leshumi zethuba lesibini, belungisa izifundo abazitshonileyo okanye bephucula indlela abaphumelela ngayo.  

Waphuma phakathi esikolweni kwiminyaka engamashumi amane anesithathu eyadlulayo, efunda ibanga lesibhozo eyokhangela umsebenzi ukuze akwazi ukondla udlapho lwakhe.  

Kudliwano ndlebe neqonga lendaba iScrolla.Africa uXipu uthe ngonyaka ka1993 wabuyela esikolweni eyogqibezela ibanga leshumi, kodwa zange aziphumelele izifundo zezibalo.  

“Ndaphoxeka kuba ndisithi khange ndizimisele kakhulu kwizifundo zam, kodwa ngelaxesha ndandikhululekile kuba ekugqibeleni ndasifumana isatifiketi sebanga leshumi endandifuna ngaso umsebenzi ongcono,” utshilo.  

“Ndiandingenalo ixesha okanye izixhobo zokuba ndiphinde ndibhale eliphepha kodwa engqondweni yam yayingapheli into yokuba isatifiketi sam asiphelelanga. Kuba ngoku ndinalo ixesha, ndigqibe kwelokuba ndizinyanzele ndifezekise iphupha lam lexesha elide.” 

UXipu wongeze ngelithi usebenze nzima ngoncedo loogxa bakhe abefunda nabo belungiselela iimviwo zabo.  

“Besine group yokufunda sisebenzisa ikhasi likaWhatsApp apho besisabelana ngeendlela ezohlukeneyo zokuqubisana nezibalo ezisinika ingxaki.  

“Ndinethemba lokuba ndizakuphumelela emagqabini kodwa ukuba akwenzeki ndizakuphinda ndiyobhalisela ukulibhala kwakhona eliphepha ngenyanga yeThupha,”utshilo. 

Uzakuthi akugqiba ngezifundo zakhe, lenkonde iceba ukunikezela ngexesha layo ifundisa abafundi kwiziko labantu abadala.  

“Ndikwazile ukubona ezinye zeengxaki ezikhoyo ezikolweni. Amagumbi okufundela agcwele ngokugqithisileyo nto leyo inyanzelisa ootitshala ukuba batitshe abantwana baninzi kakhulu,” utshilo.  

“Ndizakube ndisebenzisa ixesha elongezelelweyo endinalo ndifaka Isandlwana ekwenzeni ngcono indawo endihlala kuyo.”  

Umfanekiso ongasentla: ULawrence Xipu 

Imvelaphi yomfanekiso: Ngu Doreen Makgolo