Ivumba lomzimba osele ubolile lirhaxa abafundi

Ngu Anita Dangazele

Abafundi besikolo samabanga aphantsi iVukanibantu Primary School eMotherwell, eGqeberha bafundela phantsi kwemeko ezingaginyisi mathe kuquka ukufundela kumagumbi abandayo ngenxa yimingxunya eseluphahleni kunye nefestile ezophukileyo, eyona nto ingamandla kukuba noonqevu abangena ndawo zokuhlala bayazenzela kulamagumbi okufundela.  

Abafundi kwesisikolo, babelwa iincwadi zokubhala imihla nezolo. Ngenye intseni bafika igumbi lokufunda lityatyekwe ilindle udonga lonke, kodwa intsindabadala yokugqibela, kukufumanisa umzimba wendoda osele ubola kumabala esisikolo.  

Bathe abantwana besisikolo bakuva ivumba lento abebecingela ukuba sisilwanyana esifileyo, balandela ivumba – bafikela kumzimba wendoda ungaphakathi kumasango esikolo.  

Omnye wabazali uxelele iqonga leendaba malunga nobunzima obujamelene nabantwana imihla nezolo kwesisikolo.  

Samsung Galaxy 14G

“Basoloko besiba izixhobo zokubhala zabantwana, iintambo zombane kunye nencwadi zokufunda, yintlekele nje. 

“Amasela angena ngophahla kulamagumbi kwaye isebe lezemfundo alenzi nto tuu. Ngenye imini lamasela athatha ilindle alutyabeka udongeni lwegumbi lokufundela,” utshilo uFaniswa Bobo exelela iqonga leendaba iScrolla.Africa. 

Omnye wabazali ogama lingu Zoleka Fani oneminyaka engamashumi amane anesixhenxe uthe, imenza angakhululeki indlela olukhula ngayo ulwaphulo mthetho olwenzeka kwesisikolo.  

“Ndikhathazekile nangabantwana. Esasikolo asikhuselekanga, akubiywanga ngasemva kwaye oonqevu bangazingenela nangaliphi na ixesha befuna. 

“Ukuba abantwana bayonzakala, igazi labo lizakuba sezandleni zesebe lezemfundo,” utshilo.  

Isithethi sesebe lezemfundo UMalibongwe Mtima uthe amagosa anolwazi ngengxaki eezijamelene nesasikolo usuku nosuku.  

“Esisikolo sinikwa ingqalelo lisebe. Sinezikolo ezithandathu kummandla waseNelson Mandela Bay eziyinxalenye yenkqubo yethu yokubiywa,” utshilo uMtima.  

“Kwiveki ephelileyo kunikezelwe ngeziniki maxabiso zokubiya, inkampani ezizakubiya zizakuba sezikolweni ngeveki yomhla wesixhenxe kweyeSilimela,” utshilo.  

UMtima uthe isebe liyazi ngomzimba owafunyanwa kumabala esisikolo. “Lenyewe isezandleni zamapolisa – khumbula asinaso isakhono sokuqubisana nalemeko.” 

Isithethi samapolisa uColonel Priscilla Naidu uqinisekisile ukuba uphando luyaqhuba.”Ixhoba eliswelekileyo lifunyenwe nemikrwelo eliqela emzimbeni walo,” utshilo uNaidu.  

Umfanekiso ongasentla: Imeko esikuyo isikolo 

Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe