
Ngu Buziwe Nocuze
Amaqhawe afumaneka ngeendlela ezohlukeneyo kwaye ngokungalinganiyo.
UBhongolwethu Nganya ngomnye walomaqhawe.Uphehlelele iphulo elibaluleke kakhulu lokufundisa izifundo zokuqhuba ufumane zikaCode 10 kubahlali belokishi yaseMfuleni eKapa.
“Ndikwenza oku simahla kuba ndikholelwa ukuba, ukuba neempepha zokuqhuba linyathelo elibaluleke kakhulu elivula iminyango kwabo bafuna imisebenzi,” utshilo uNganya oneminyaka engamashumi amabini anesixhenxe.
“Andibancedisi ngokuba qeqeshela ukuqhuba kuphela, ndibakhuthaza nokuba basebenzise ixesha labo ngendlela efanelekileyo.”
Oko lathi laqala ngenyanga yoMqungu kunyaka ophelileyo, eliphulo litsala umdla kubantu abaninzi, nalapho lincedise abantu abangaphezu kwamakhulu amane ngesakhono esibalulekileyo sokuqhuba.
Waqhutywa yinkxalabo yokubona ukunyuka kwezinga lokusetyenziswa kweziyobisi ngabantu abatsha elokishini, uNganya wabona kufanelekile ukuba enze into.
“Ndiyayazi ukuba abanye abantu bayafuna ukufumana impepha mvume zokuqhuba kodwa abanayo imali, ngako ke ndazinikela ukuba ndizakubafundisa simahla,” utshilo.
Enye yezinto eyakhuthaza uNganya kweliphulo lakhe, kukunyuka kwenani leengozi ezindleleni ezibangelwa ngabantu abathenga iimpepha mvume zokuqhuba ngoku ngekho mthethweni.
“Ukufundela ukuqhuba kubalulekile kuba kukufundisa imithetho yendlela, kunye nemigaqo ekufuneka uyilandele. Ukutsiba elinqanaba libaluleke kangaka uye kufumana iimpepha mvune zokuqhuba kuyingozi kakhulu,” utshilo.
Abahlali baseMfuleni bazuza lukhulu kwezizifundo.
Izifundo ziqala ngentsimbi yeshumi elinanye kusasa ukuya kwintsimbi yesihlanu ngenjika langa, ukusukela ngoMvulo ukuya ngolwesihlanu, nalapho kukhona maqela ohlukeneyo anafundi.
Ukuzinikela kwakhe angadinwa kuvune iziphumo ezihle kakhulu, abafundi bakhe babonakalisa ukuphumelela emagqabini kuvavanyo lwabo.
Ubulela noncedo alufumana kwinkonzo zasekuhlaleni kunye namalungu asekuhlaleni anikela ngezindlu zokufundela aphinde ancedise ngokwenza iikopi zezixhobo zokufunda.
“Umfundi ngamnye ufumana ikopi zencwadi iK53, kunye neApp enemifanekiso kunye neempawu zendlela, ukuze bakwazi ukubona into endithetha ngayo xa ndititsha. Noxakunjalo ndiyayidinga inkxaso ukuze ndiqhubeke ndinceda abo bangathathi ntweni,” utshilo.
UZizipho Dyonase owaphumelela izifundo zakhe zokuqhuba kunyaka ophelileyo uvakalise indlela awaqale wabanoloyiko ngayo akuva ngeliphulo lasimahla.
“Sisoloko sifumana ukuqhathwa, ngako ke ndathi ndakuva ngeliphulo ndangakholelwa ndade ndabe ndityelela enye yendawo ekufundwa kuzo. Zange afune mali,” utshilo uDyonase ebabaza ukuzinikela kuka Nganya.
UKhwezi Mngqibisa ofumene impepha zakhe zokuqhuba ngenyanga yoKwindla uchaze uNganya njengotitshala ogqibeleleyo, okhathalele abantu basekuhlaleni.
“Ukuzinikela kwakhe efundisa abantu simahla kubonakalisa indlela ayikhathalele ngayo indawo yakhe yasekuhlaleni,” utshilo uMngqibisa.
Umfanekiso ongasentla: Izifundo zokiqhuba zasiomahla zika Bhongolwethu Nganya zilithemba kubahlali baseMfuleni, zibanika izakhono ngaxeshanye ziqinisekisa ukhuseleko ekuhlaleni.
Imvelaphi yomfamekiso: Uthunyelwe