
Ngalolonke ixesha ebhengeza iqela lakhe umqeqeshi weBafana Bafana uHugo Broos, usoloko echonga abadlali ngathi uyazincama, kubhala uMicheal Madyirha.
kaphantse kwenzeka intlekele nganyanga yoKwindla ngethuba uMzantsi Afrika ubambene ngamanqaku amabini macala kumdlalo wasekhaya udlala neLiberia, ekuziziphumo ezashiya lomqeqeshi waseBelgium esecicini lokushiya emsebenzini wakhe.
Wangxolisa abadlali bakhe bangaphambili ngokuphosa amathuba aliqela okufaka amanqaku kulomdlalo.
Kodwa uBross walibala ukuba nguye uchonge abadlali bangaphambili abasokolayo ukufaka amanqaku kumaqela abo kwaye abangenawo amava okudla kumgangatho wehlabathi.
Lomqeqeshi wayesaya kuqeqesha iqela laseCameroon uqalile kwakhona.
Uchonge abadlali abangekho mfuthweni elungiselela imidlalo ezayo elungiselela ukungena kwindebe ye2023 Africa Cup of Nations qualifier apho uMzantsi Afrika uzakudlala neMorocco.
Omnye wabadlali abayinxalenye yeqela lakhe lokuqala ngulowo wayedlalela iOrlando Pirates uZakhele Lepasa, obelikiswe kwiqela le Super Sport United.
Inkcukacha zibonakalisa ukuba uLepasa uyasokola ukufaka amanqaku, ufake amanqaku amathathu kuphela kwimidlalo yePremier Soccer League isizini yonke, kwaye inqaku lakhe lokugqibela walifaka ekuqaleni kwenyanga yoKwindla.
Akasabonakali encedisa nakumanqaku angenayo, amanani akhe afikelela kuzero kwisigaba sePSL.
Wagqibela ukuqala umdlalo ngomhla wokuqala kwinyanga kaTshazimpuzi, kodwa lo ngumdlali othenjwa nguBroos, okanye yimbuyekezo ngokufaka inqaku elinye leBafana Bafana kumdlalo ababewudlal eLiberia.
Kwelinye icala kukhona umdlali waphambili weMarumo Gallants uRanga Chivaviro ongakhange abonakalise isakhono sakhe esihle kwibhola ekhatywayo, kodwa udlale kakuhle nakwimidlalo yaseAfrika.
UChivaviro ngomnye wabadlali abaleqa imbasa yeGolden Boot kwiPSL kwaye unamanqaku alishumi onke, kwaye ngoyena mdlali uhamba phambili ngamanqaku kwiCAF, njengoko efake amanqaku asixhenxe.
Ndiqinisekile uyazibuza ukuba yinto eyenye ekufuneka eyenzile ukuthatha intliziyo kaBroos.
Lomdlali waphambili weGallants udlale kakuhle kakhulu kunomdlali weGolden Arrows uPule Mmodi onamanqaku amathandathu kwiligi, kuquka amabini kuphela wawafaka kunyaka ka2022, kodwa ukwazile ukuba yinxalenye yeqela leBafana Bafana.
Ukubiza uLepasa noMmodi kwenza kubenzima ukuchaza ukuba ushiywe njani uLebo Mothiba okuphela komdlali welizwe loMzantsi Afrika odlala kwenye yeligi ezinkulu eEurope.
Ngokwenkcukacha, uMothiba uza nolwazi lonto yenye yezinto ezinqogopheleyo kwiqela leBafana Bafana.
Lomdlali waphambili kwiqela iStrasboung uneminyaka engamashumi amabini anesixhenxe, kwaye wadlalela eliqe;la laseFrance ukusukela ngonyaka ka2014, waphinda wabayinxalenye yemidlalo yeOlimpiki ngonyaka ka2016, kwaye wayeba ngumdlali oqalayo kuyo yonke imidlalo yeBafana Bafana yamagqibela kankqoyo yeAfcon ngonyaka ka2019 eyayidlalelwa eEgypt, kodwa uzifumanisa evalelwa ngaphandle nguBroos.
Umfanekiso ongasentla: Umqeqeshi weBafana Bafana uHugo Broos
Imvelaphi yomfanekiso: Safa