Isimanga somphathiswa okhuleliswe isekela lakhe ‘ngempazamo’ 

Ngu Everson Luhanga

Umphathiswa wesebe lezemfundo welizwe iDemocratic Republic of Congo (DRC) uTony Mwaba Kazadi, ukhuleliswe isekela lakhe uAminata Namasia. 

Noxa kunjalo, lo mphathiswa uzikhusele ngelithi ukhuleliswe isekela lakhe ngempazamo.  

Amajelo eendaba asekuhlaleni eDRC apapashe iingxelo zokuba ababaphathiswa bobabini batshatile, kwaye kutyholwa ngokuba bebenobudlelwane obusecaleni ngaphandle kwemitshato yabo.  

Obubudlelwane buqale bapapashwa yintatheli yaseDRC egama linguLungila John, opapshe ezinkcukacha kwikhasi likaTwitter. Ukubhengezwa kobubudlelwane kunye nokukhulelwa kubelihlazo elikhulu eDRC kwaye ezindaba zinwenwe ngokukhawuleza kumakhasi ezonxibelelwano.  

Kodwa uNamasia uthi ezizityholo ziphenjelelwa yimpi yezopolitiko.  

“Ngaphandle kwemisebenzi yam kurhulumente nasesidlangalaleni, ndinobomi  babucala obudinga ukuhlonitshwa nguye wonke umntu. Lilungelo labo bonke abemi baseCongo eliqinisekiswa ngumgaqo siseko. Ukujongelwa phantsi kwesidima sam akufunekanga kunyamezelwe.  

“Eneneni, oku akuzukonzakalisa kuphela izinto endizimanye kuzo kuphela, kodwa nesidima sogxa wam oyindoda, endisebenza naye, otshatileyo kunye nosapho lwakhe,” utshilo uNamasia.  

“Njengoko sijonge unyulo oluzayo ulubekelwe inyanga yoMnga kulonyaka, abangcatshi bezopolitiko bavumelekile ukuba balwisane nezimvo zam zezopolitiko kunye nezenzo zam, bangabheneli kwizinto ezizakuqhuqela igama lam nesidima sam phantsi.”    

Akukacaci ukuba ikamva limphathele ntoni usomashishini okwangu sopolitiki uKazadi kunye neqabane lakhe labucala atyholwa kulo uNamasia.  

UNamasia ligqwetha ngokwesakhono, kwaye usebenze kwicandelo lezemfundo iminyaka emininzi. Bobabini uKazadi no Namasia ngamalungu ombutho olawulayo eDRC, iPeople’s Party for Reconstruction and Democracy.  

Urhulumente waseDRC ebungekaphawuli ngalomba, kwaye kungenzeka ukuba bobabini bazakugxothwa.  

Umfanekiso ongasentla: UTony Mwaba Kazadi