
Ngu Zukile Majova
Kwasekuqaleni kokungena kwakhe kwesisihlalo, iKumkani yaKwaZulu uMisuzulu kaZwelithini ebenoxanduva lokukhusela ukuqhambuka kweyantlukwano enokuba nobungozi phakathi kwakhe noPrince Mangosuthu Buthelezi.
Lo mseki uneminyaka engamashumi alithoba anesine, waseka iqela lemveli lezopolitiko laKwaZulu Inkatha Freedom Party, useyindoda enamandla amangalisayo kwezopolitiko kwiphondo laKwaZulu Natal.
Ukusebenzisana kwakhe noKumkani uMisuzulu kuthathwa njengesona sizathu sabangela ukuba angene kwisihlalo sobuKumkani nangona esisihlalo sibangwa ngumfowabo uPrince Simakade.
Yaba nguButhelezi uqobo lwakhe owazincamayo ebeka ubomi bakhe esichengeni ekhusela ikumkani yangomso ngethuba wayefunda umyolelo wokugqibela kamama kaMisuzulu ongasekhoyo ikumkanikazi ebambeleyo uMantfombi, owakhetha unyana wakhe njengeKumkani elandelayo yesizwe saKwaZulu.
Kungekudala iqela elalizidla ngokuthembeka kwikumkani, laphakamisa ukuba uKumkani akhuphe uButhelezi kwisihlalo sakhe senkulubaphathiswa yemicimbi yemveli kwesisizwe kunye nakwikumkani.
UMisuzulu wasiphikisa esisiphakamiso seqela elingamfuniyo uButhelezi waqhubeka wakha ubudlelwane obuluqilima kunye naye, obabangela ukuba ade abe uyabekwa ngokusesikweni njengeKumkani kumsitho owawubanjwe ngenyanga yeDwarha kunyaka ophelileyo.
Ukusukela ngoko, into eyamothusayo kukufumanisa ukuba uButhelezi akasoloko evumelana naye ngendlela zokulawula isizwe saKwazulu esinabantu abafikelele kwizigidi ezilishumi elinesihlanu.
Ngako ke kwaqalisa iyantlukwano ezanomngcipheko wobundlobongela obunoku bangela impalalo gazi.
Ezi zezona zinto zingundoqo ezibangela leyantlukwano:
- Ukubekwa komcebisi wekumkani ongundoqo uProfessor Jabulani Maphalala kunye nalowo ubesakuba ngusekela sodolophu waseThekwini uPhilani Mavundla.
- UButhelezi uthatha esisibini njengeentshaba zakhe kwezopolitiko. UMavundla wayedla ngokuhlasela uButhelezi ngelixa wayengusihlalo wombutho weANC kummandla kaNkosi Bhambatha, ekhupha imbalelwano zonondaba ezishiya imibuzo malunga nesikhundla sikaButhelezi kwezopolitiko.
- UMaphalala kwelinye icala, waziphikisa izibhengezo zokuba utatomkhulu kaButhelezi wayekhokhele isizwe saKwaZulu ngexesha lempi edumileyo yaseSandlwana kwimpi eyaziwa ngeAnglo Zulu War ngonyaka ka1879.
- Ukubekwa kuka Prince Simphiwe Zulu kwisihlalo sikaPrince Mbonisi kwisebe lorhulumento ngentsebenziswano kunye nemicimbi yemveli ukuba amele iKumkani.
- Esisihlalo siphezulu kwaye sinegalelo kwizigqibo ezibalulekileyo, uButhelezi wayefuna enye yenkosana ezisuka kundlunkulu kaNxangiphilile ukuba ibe yiyo engena endaweni kaMbonisi.
- Ukususwa kwalowo ubesakuba yijaji uJerome Ngwenya, emva kweminyaka engamashumi amabini anesithathu engusihlalo webhodi ye-Ingonyama Trust ngenyanga yoMdumba. UNgwenya uyasiphikisa esisigqibo enkundleni kwaye uButhelezi uyamxhasa.
- Ukubekwa kukaNkosi Thanduyise Mzimela njengosihlalo webhodi ye-Ingonyama Trust.
- Le Trust ilawula umhlaba olinganiselwa kwihectare ezilingana nezigidi ezintathu zomhlaba weKumkani, iqokelela ingeniso kwimihlaba emikhulu yezolimo lwemithi yecandelo lamaphepha, icandelo lokulima umdiza weswekile, iindawo zolonwabo, amadlelo ezilwanyana zasendle, kunye neendawo zokulala eziphambili kwiphondo lonke laseKZN.
- UMzimela, ngunyana kalowo ubesakuba ngusihlalo weNdlu yeenkosi zemveli kuzwelonke uNkosi Mpiyezintombi Mzimela, kwaye uthenjwe kakhulu kwindawo zasekuhlaleni ezininzi kunxweme olukumantla ephondo laseKZN.
- Kutsha nje uKumkani unqumamise isivumelwano sentsebenziswano nenkampani yamagqwetha anentembeko emandla kuButhelezi, iStrauss Daly Inc, kwaye wabhengeza izicwangciso zokuqesha amagqwetha amatsha azakummela enkundleni kwiveki ezayo. Ukubangisana ngesikhundla sobuKumkani apho isikhalazo safakwa nguPrince Simakade kulindeleke ukuba siviwe yinkundla ephakamileyo yaseMantla eRhawutini ukusukela ngomhla wamashumi amathathu ananye kwinyanga kaCanzibe ukuya kumhla wesibini kweyeSilimela.