Yintatheli yethu
Wathanda kodwa wohluleka: UTina Turner (1939-2023)
Wazalwa engu Anna Mae Bullock, intombazana ehluphekayo yasemaphandleni aseNutbush eTennesssee eUSA.
Kodwa wayengakwazi kufihla isakhono sakhe somculo, kwiminyaka yasekuqaleni ko1960 wasebeza nendoda eyagqibela isiba ngumyeni wakhe u-Ike Turner apho bavelisa umculo ongxolayo, kodwa oluncuthu oluthandwayo ofana nengoma ethi River Deep, Mountain High – elona culo limnandi ngalo lonke iqesha uliphulaphula.
Ukuvakalisa ubungangamsha bayo le mvumi ikhe yaqaqamba kwiqonga lomculo werock, umbhali womculo werock uNik Cohn wabhala encoma ngokumandla, echaza indlela acula ngayo uTina Turner kwindawo yolonwabo eLondon ngeminyaka yoo1960.
“Ngowasetyhini omkhulu, obukekayo unenwele ezinde ezimnyama kunye nobuso obuhle obumilise okwesilwanyana nomva obukekayo. Akaqaqambanga ngobuhle kodwa uyathandeka.
“Ngalo lonke elixesha, uIke Turner ongumyeni wakhe, udlala isiginci ngasemva kwakhe, ukhangeleka ephoxa, ucocekile enomzinjana namehlo angathi ngawebhokhwe abonakala elusizi nahlekisayo’
“Ndandime ngaphantsi kweqonga.
“UTina waqalisa wacula engxola evuthuza ebonakala enyibilika umzuzu nomzuzu. kungekudala waza ngaphezu kwam kubonakala ukuba akaziva indlela awayesemfuthweni ngayo, ndandisoyika ndingcangcazela eloxesha.
“Ndabalekela ngasemva ndizikhusela, wonke umntu kumqolo ongaphambili wenjenjalo, emva koko kwa umntu nathi sawela kwimfumba leyo, sizabalaza sizama ukuphakama ngathi yintlanzi kwi-emele.
“Ndathi xa ndijonga ngasemva, utina wayesangcangcazela ngasentla kwethu, iimpundu zizama zama.
“Inkohlakalo engako, usebenzisa i esile lakhe njengebhola yokujula kwaye wafumana ugwayimbo.
“Umfazi ohlakaniphileyo:inyama yakhe iyanyibilika neenwele zakhe ziphaphazela zonke kunye namazinyo akhe amakhulu adla amadoda edanyaza. Usityele isidlo sakusasa sonke.”
UTina no-Ike babetshotsha entla kwiingoma zeminyaka yo1960 nakwi-70s zokuqala. Kodwa wohlukana nomyeni wakhe kwityala elaziwa kakhulu lokuxhaphaza iqabane.
Kwincwadi yakhe engobomi bakhe yonyaka ka2018 uTurner wachaza iinzame zika-Ike zokumlawula, ngokwezoqoqosho nangokwengqondo ngaphambi kokuba ekugqibeleni akwazi ukumshiya.
Emva koqhawulo-mtshato ngo1978 awasala engenanto egameni lakhe. Walandelwa yiminyaka eliqela engenanto ngaphambi kokuba abuye abeyimvumi eqaqambileyo yeminyaka yo 1980 namapho wakhupha icwecwe elithi Private Dancer emva koko wenza ukhenketho olwabayimpumelelo kumazwe ehlabathi.
Uthathe umhlala-phantsi ekukhenketheni ngo-2009.
NgoLwesithathu emva kokugula ixesha elide, iKumkanikazi ye-Rock ‘n Roll isweleke ngoxolo
ekhayeni lakhe eSwitzerland. “Kuye, ihlabathi lilahlekelwe ligqala lomculo kunye nomntu obengumzekelo,”itshilo ingxelo yosapho lwakhe.
Kodwa oku, akufikeleli kwinto ebeyiyo uTina.