
Ngu Celani Sikhakhane
Amalungu osapho lobukumkani baKwaZulu anethemba longenelelo lwenkcuba buchopho ephezulu kwezomthetho ukuba isombulule imbambano yomthetho kwelikhaya.
Bacele uadvocate Zandile Mshololo, oyinxalenye yokuchotshelwa kwetyala lokubulawa kukaMeyiwa ukuba abongoze uPrince Mangosuthu Buthelezi atyikitye iimpepha zenkundla zika Kumkani uMisuzulu kaZwelithini.
Amanye amalungu osapho lobukumkani akrwece uMshololo amnika uxanduva lokuba athethe no Buthelezi amcenge ukuba ekugqibeleni makatyikitye amaxwebhu eaffidavit eziphendula kwityala eliphikisa ukubekwa kukaMisuzulu njengekumkani ethatha esisihlalo.
Iqonga leendaba iScrolla.Africa lithethe namanye amalungu olusapho angavumelekanga ukuba athethe nonondaba, kodwa adize ukuba uMshololo uthenjiwe likhaya lobukumkani.
Badize ukuba nangona engesosihlobo segazi, umama wakhe kunye naye babengabahlobo abakufutshane kakhulu nomama weKumkani, iKumkanikazi engasekhoyo uRegent Mantfombi Shiyiwe kaSobhuza.
“Simcele ukuba makathethe noPrince Mangosuthu Buthelezi ukuze axolelane neKumkani kwaye atyikitye lamaphepha elungiselela isizwe saKwaZulu. UMshololo ngoyena mhlobo uthenjiweyo kwikhaya lobukumkani.
“Kanye nanye ubuhlobo babuphakathi kukamama kaKumkani uMisuzulu kunye noMa Mshololo. Kodwa uZandile kunye newele lakhe eliyintombazana uKumkanikazi uMantfombi wayebathatha njengee ntombi zakhe. Bade bamkhapha esiya eSwatini eyothatha isipho somtshato kutshata intombi yakhe, uPrincess Ntandoyesizwe Tembe,” utshilo lomthombo.
UMshololo wayenoxanduva lokuqokelela iqela lamagqwetha ancedisa uKumkanikazi uMantfombi ukubhala umyolelo wokugqibela owakhetha uMisuzulu njenge kumkani elandelayo kwisihlalo sobukumkani baKwaZulu.
Iqonga leendaba iScrolla.Africa lifumanise ukuba uMshololo uzakuncedisa iqela lamagqwetha amatsha akhethwe nguMisuzulu emva kokuba elahle amagqwetha eStrauss Daly INC, abesoloko emele yena kunye noButhelezi.
Iinzame zokufumana uMshololo ziphanzile.
Kwiveki ephelileyo uMisuzulu ubhengeze ukuba uwalahlile amagqwetha eStrauss Daly kwaye uButhelezi uyala ukutyikitya iimpepha zenkundla de kube kususwa usihlalo ogqiba kubekwa weIngonyama Trust.
Kukholeleka ukuba uButhelezi usisifu ngumsindo kuba uMisuzulu ebeke lowo ubesakuba ngusekela sodolophu waseThekwini uPhilani Mavundla kunye no Professor Jabulani Mahlangu njengaba cebisi. Esisibini phakathi kwabantu ababekwe ezihlalweni uButhelezi ubabona njengabantu abazintshaba zakhe kwezopolitiko.
Umfanekiso ongasentla: UAdvocate Zandile Mshololo ucelwe ukuba angenelele kwingxabano kaButhelezi noMisuzulu
Imvelaphi yomfanekiso: Ikhasi likaTwitter