Uhambo lukaMkhawana lokuzimanya namaqela amakhulu

Ngu Nkhensani Mthombeni

Impumelelo kaVicky Mkhawana isuka kwiqela lesizwe labaneminyaka engaphantsi kweshumi elinesixhenxe ukuya kutsho kwisiganeko sakutsha nje sokutyikitywa liqela eliphambile iKaizer Chiefs.  

UMkhawana waseLimpopo udlale okokuqala kwiqela lesizwe Amajimbos leUnder-17 kukhuphiswano obelujongwe ngamehlo abomvu lwe CAF U-17 Cup obelubanjelwe eAlgeria.  

Lomdlali wasesiswini unesakhono ushiye ibala elingalibalekiyo kukhuphiswano lwalendebe.  

Kumjikelo wokuqala, isakhono sakhe esiqaqamnileyo kunye nokuzimisela kwakhe okungathothiyo kwadlala indima enkulu kuloyiso lwabo lwamanqaku amathathu kwamabini kumdlao wabo neZambia.  

Samsung Galaxy 14G

Akazange abenegalelo nje kuphela kulomdlalo woloyiso, kodwa waphinda waba ngoyena mdlali ugqwesikeyo kulomdlalo. 

Indima negalelo lika Mkhawana iye ikhula njengoko beluhambela phambile ukhuphiswano. Ubonakalise isakhono esihle esinqabileyo sokufaka amanqaku, wafaka amanqaku amathathi kwicala laMajimbos akwazi ukufikelela kwisigaba semidlalo emithathu ngaphambi komdlao wamagqibela kankqoyi.  

Baphume kolukhuohiswano uhambo lwabo lunqanyulwa yi Senegal, eyaphumelela ngamanqaku amahlanu eqandeni, kodwa ngangoba baphumayo kolukhuphiswano iinzame zikaMkhawana zatsala amehlo amaqela amakhulu kwibhola ekhatywayo kweli. 

Iqela leKaizer Chiefs libhengeze ukunyuselwa kukaMkhawana osuka kwiqela labolophuhliso esiya kwiqela elingundo leKaizer Chiefs. 

Utyikitye isivumelwano esihle kakhulu seminyaka emithathu, nto leyo ibonakalisa inqanba elikhulu kwisakhono salhe. Kulomsitho umama kaMkhawana kunye nosisi wakhe bazibonele ngamehlo unyana esibayinxalenye yeqela eliphambile kwibhola ekhatywayo yeli.  

Uhambo luka Mkhawana kuqale kunyaka ophelileyo ngethuba ezibandakanya ne-Amakhosi academmy esuka kwiqela awayelidlalela iNkowankowa Barcelona FC eTzaneen.  

UPeace Khoisa ibengumqeqeshi wakhe uvakalise uchulumanco lwake ukubona uMkhawana ehambela phambile.  

“Ndonwabe kakhulu ukubona kuthathelwa ingqalelo isakhono sabantu abatsha. Ukuziphatha kakuhle ngendlela efanelekileyo kuzakubaluleka kakhulu ukuze akwazi ukuqhubeka ephumelela, njengoko ejonge amajukujukwini,” utshilo uKhosa.  

Ezalelwe eDan Villlage eTzaneen, impumelelo kaMkhawana isukela kwindawo eyaziwa ngokusokoliswa lulwaphulo mthetho ngoonqevu. 

Namhlanje ubonakala njengomntu obuyisela ithemba nokukhuthaza abancinci nabadala, ebonakalisa ukuba amaphupha angafezeka nokuba yintoni na ojamelene nayo.  

UGerson Molapisane, ommgusodoophu womasipala iGreater Tzaneen uthumele amazwi okubuyisana nalomdlai waseNarturena, ebalula iqhayiya abanalo ekuhlaleni ngempumelelo ka Mkhawana. 

Umfanekiso ongasentla: UVicky Mkhawana 

Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe