Litshe langqongqa ikhaya labongikazi eCofimvaba  

Ngu Songeziwe Mapukata

Kutshe igumbi labasebenzi, elokuphunga kunye nelokugcina amachiza kumlilo oqhambuke kwikhaya labongikazi beziko lempilo iNcorha Clinic, ngeCawa eCofimvaba kwiphondo leMpuma Kapa.  

Nangona izinto ezibalulekileyo zabongikazi ziphelele kulomlilo, akukho mntu ulimeleyo.  

Ngelishwa abongikazi balahlekelwe zimpahla, ukutya kunye nezinto ezingundoqo ezifana nezazisi, iimpepha zokuqhuba, ifenitshala, iiwalethi kunye nemali kulomlilo ubhuqe kwesisakhiwo.  

Nangona iqela lamagosa anamava kwesisithili etyelele kwindawo yexhwayelo ngoMvulo, ixabiso lomonakalo alikacaci. Lomonakalo kusalindeleke ukuba uqinisekiswe, ngokokutsho kwesithethi somphathiswa wesebe lezempilo uMkhululi Ndamase.  

Samsung Galaxy 14G

“Phakathi kwezicwangciso zexeshana isebe lijonge ukuthenga izindlu zexeshana abazakuhlala kuzo abasebenzi abachaphazelekileyo, enye isetyenziswe ukugcina amachiza kunye negumbi lokuphunga,” utshilo uNdamase. 

UNdamase uthe umphathiswa wesebe lezempilo uNomakhosazana Meth udandathekile sesisehlo.  

“Uyavelana nabasebenzi abachaphazelekileyo kwaye isebe lisebenzela ukuqinisekisa ukuba bafumana ululeko lwengqondo ukuze bakwazi ukuqubisana nalemeko.  

“Sifuna nokubongoza abahlali ububa babenomonde kuba kungabakhona ukuncipha kwamachiza njengoko amachiza amaninzi etshatyalaliswe ngumlilo,” utshilo uNdamase. 

“Amachiza atshileyo ebefika kwiveki ephelileyo esuka kwindawo agcinwa kuyo, ngako ke amachiza amaninzi azakuthunyelwa kwakhona ukuqinisekisa ukuba abantu bethu abashiywa lixesha bengathathi amachiza abo.” 

Nangona imbalelwano ekhutshwe lisebe lezempilo lephondo leMpuma Kapa isithi lomlilo ungaziwayo ukuba uqalwe yintoni uphantsi kophando lwamapolisa, amapolisa akakakuqinisekisi oku. Isithethi senkonzo yesipolisa uBrigadier Tembinkosi Kinana akafumanekanga ukuphawula.  

Umfanekiso ongasentla: Intsalela yekhaya labongikazi emva komlilo 

Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe