Ayagqugqusa amakrwala ophula umthetho eCrossroads eKapa 

Ngu Buziwe Nocuze

Abahlali baseLower Crossroads eKapa bajike bangamaxhoba okubelwa ngamakrwala ophula umthetho kulommandla.  

UZingiswa Funde oneminyaka engamshumi amathathu anesihlanu uzivele yena ngethuba kufika kuye igquba lamakrwala esendleleni eyakundwendwela usapho lwakhe.  

“Zange ndicinge ukuba bazakundikhuthuza kuba bebebuya esuthwini ngenyanga yoMnga, apho bebefundiswa ukuba amadoda okwenene aziphatha njani,” utshilo uFunde.  

Uphaphame bakuthatha imfonomfono yakhe kunye nemali waqonda ukuba ukhuthuziwe.  

Samsung Galaxy 14G

“Bebebane, bephethe ibhotile yoywala iRussian Bear vodka: bandicelile ukuba ndingabanika na imali yokuthenga ijusi baxube nevodka yabo,” utshilo uFunde.  

Uthe akubaxelela ukuba akanamali, baqalise bamngqonga bagqogqa izonto ebeziphethe.  

“Ngelixesha bakhangelayo, badluliselana ngobutywala babusela nge straw. Bathathe yonke into, kwaye andikakholelwa ukuba bandikhuthuze benxibe iimopahla zanakrwala, angamadoda amatsha.”  

Omnye umhlali ocele ukuba angadizwa kuba esoyika ukucuitshwa, uxelele iqonga lendaba iScrolla.Africa ukuba lamadoda matsha sele kuphele iinyanga egqugqisa ekuhlaleni,” utshilo lomhlali.  

Udize ukuba abantu ngioku baqalisa ukugaya amacebo okuba bazakuqubisana njani nalemeko, kuba bakhathele ukuphathwa kakubi endaweni yabo.  

Abanye abangamaxhoba babalisa ngezimvio zabo ezoyikisayo, zibonakalisa ukungabikho kwentlonipho kwindlela abaziphethe ngayo abanqevu.  

“Basixelela ukuba singaqhathwa zezimpahla kuba azithethi nto kwaphela kubo. Ndothuka kakhulu kuba kwakufanele ukuba bayazihlonipha iimpahla abazinxiba ukubuya kwabo entabeni,” utshilo omnye uhlali okwalixhoba.  

Umhlali oneminyaka engamshumi amane ubalise indlela awanyanzeliswa ngayo ukuba asele ishot yevodka.  

“Ndiyabacaphukela. Ewe ndiyasela, kodwa andiyiseli iRussian Bear. Ngolwasuku bandikhuthuza ngalo, bathi bakubona indlela endikhathazeke ngayo, bandinyanzelisa ukuba ndisele ukwehlisa uxinzelelo olubangelwe ngabo. bandidelela kakhulu.” 

USizakele Zokufa ongumseki wequmrhi iSomagwaza Institute, ejinge ukugcina isiko lolwaluko lwenveli, uvakalise ukothuka akuva ngezenzo zalamadoda matsha.  

“Kuyacaca ukuba zange bafunde nto tuu ngexesha lokoluka. Uxanduva lokuba batshintshe luxhomekeke kubo. Ngamanye amaxesha bathi xa besentabeni, baziphathe ngathi batshintshile,” uthethe wenjenje uZokufa evakalisa ithemba lokuba lamadoda angatshintsha iindlea zawo.  

Inkumanda yesikhululo samapolisa iPhilippi East uColonel Mzwabantu Jada uthe uzama kanganngoko ukuba amagosa akhe enze ugqogqo nangakumbi kulommandla.  

“Sisoloko sikhuthaza abahlali ukuba bavule amatyala kwakwenzeka iziganeko eziloluhlobo. Kufuneka basinike nenkcukacha eziphangaleleyo kwaye siyathembisa ukuba sizakugcina amagama abo eyimfihlo.” 

umfanekiso ongasentla: Abahlali baseLower Crossroads bakhathele ukuba nganaxhoba amakrwala abakhuthuza abanyanzelise ukuba basele ivodka ukwehlisa uxinxzelelo olubangwa ngawo 

Imvelaphi yomfanekiso: Ngu Buziwe Nocuze