
Ngu Karabo Rammutla
Abahlali baseGatvol eHammanskraal balinganise umcimbi wokuvulwa ngokusesikweni kwesakhiwo, ngoMvulo, babe babhengeza ukuvulwa kweziko lempilo ebelihleli lingasebenzi.
Eliziko litsha lempilo zange lasetyenziswa oko lalakhiwe kwiminyaka emithandathu eyadlulayo.
Iinzame zangaphambili zabahlali befuna ukuvula eliziko zamiswa ngoonogada.
Abahlali baqhube baya kuvala iziko lempilo iMandisa Shiceka Clinic, ebisebenzela kwintente emoshakeleyo.
Noxa kunjalo, abongikazi ebebesebenzela kulentente basele bedidekile kwaye besoyika.
Bayalelwa ngabahlali ukuba bangaphinde balubeke unyawo kwisiza seziko lempilo elidala kwaye bona bayayazi ukuba iinkqubo ezithile kunyanzelekile zilandelwe ngaphambi kokuba basebenzise isakhiwo esitsha.
Umongikazi osele enamava ocele ukuba angadizwa, uvakalise inkxalabo malunga nokhuseleko lwabasebenzi kunye nabahlali abazofumana uncedo kweliziko.
“Awukwazi kuvuka ugqibe kwelokuba uyongena kwisakhiwo esitsha seziko lempilo. Kukhona imigaqo nkqubo eyaziwayo ekufuneka ilandelwe ngabantu abanesakhono,” utshilo.
“Sifumene izigrogriso ezivela kubahlali, abasilumkisa ngokubuyela kwiziko lempilo elidala. Abongikazi bayoyika. Asikwazi ukungena kwisakhiwo esitsha seziko lempilo singanikwanga imvume nomkhombandlela ngabaphathi kunye nabantu abanesakhono [sokuhlola isakhiwo eso ukuba silungele ukusetyenziswa].”
Ubalule isidingo sendawo efanelekileyo ukuba isetyenziwe ukukhathalela impilo.
Uyavuma ukuba abongikazi banomnqweno wokusebenzela kwiziko lempilo elitsha, elakhiwa kwiminyaka emithandathu eyadlulayo kunye nokukhathazeka kwabahlali. Noxakunjalo, uthe izenzo zabahlali aziyondlela ilungileyo yokusombulula lemeko.
ULerato Molapo ongumhlali uthi ukhathazekile yinkxalabo yabongikazi.
“Yintoni enzima kuno kuba bathuthe iibhedi, amachiza kunye namaxwebhu bawase kwisakhiwo esikhuselekileyo salemihla? Ingaba ngowuphi umehluko ewenzayo ukuba lenkqubo yenziwe yinkokheli yezopolitiko okanye sithi bahlali abazosebenzisa eliziko?” ubuzile.
UMolapo uthi abongikazi bakhathazwa kukuba bafuna ukuthatha imifanekiso nosopoliotiki.
“Abonwabanga kuba thina, bahlali siyisikile iribbon salivula ngokusesikweni iziko lempilo. Sibothule umthwalo, kwaye kufanele babulele kwaye konwabele oku,” utshilo.
UMotalatale Modiba wesebe lezempilo kwiphondo laseRhawutini uchaze ngelithi isebe lophuhliso lwezakhiwo lisebenzela ukulungisa izidingo eziphakanyiswe sisixeko saseTshwane.
Oku kuquka ukufakelwa kwezibane zeerobhothi kwindlela iHunnans Street apho iziko lempilo lakhiwe khona.
“Ukuphunyeleliswa kokugqibela ngamasebe ohlukeneyo aseTshwane afane nesebe lokusingqongileyo kunye nokukhathalelwa kwenkukuma akukafezekiswa. Kuzakuthi esophumelelisa lamasebe, isixeko sikhunge isatifiketi sokuba isetyenziswe nto leyo izakuthetha ukuba esisakhiwo singasetyenziswa ngokupheleleyo,” utshilo uModiba.
Umfanekiso ongasentla: Abahlali baseHammanskraal basika iribboni, ebonakalisa ukuvulwa kweziko lempilo elitsha esele lihleli lingasebenzi iminyaka emithandathu
Imvelaphi yomfanekiso: Ngu Karabo Rammutla