Umbutho weSanco usemngciphekweni wokubhangiswa 

Ngu Celani Sikhakhane

Ikamva lezopolitiko lalowo wayesakuba ngumongameli weli uJacob Zuma lisemngciphekweni kwakhona, njengoko umbutho weANC ukwingxoxo ezimandla namahlakani wayo malunga nokubhangiswa kombutho iSouth African Civic Organisation (Sanco). 

Oku kubangele umsindo omandla kwisigqeba seSanco kwiphondo laKwaZulu-Natal esikhokhelwe nguZuma.  

Inkokheli yalombutho ibanga ngelithi kukhona ibholo elicacileyo lokuhlazisa uZuma ngokubhangisa iSanco eKZN, kwinyanga nje emva kokunyulwa kwakhe njengosihlalo walombutho kwelaphondo.  

Imithombo ethembekileyo yeqonga leendaba iScrolla.Africa iveze ukuba unobhala jikelele wombutho weANC ubize intlanganiso elindeleke ukuba ihlale ngoMvulo eLuthuli House ngoMvulo ukuthatha isigqibo sokubhangisa zonke izigqeba zamaphondo zombutho weSanco, ukuze zimiliselwe ngokutsha kulungiselelwa unyulo lonyaka ka2024.  

“Oku kuqalwe zinkokheli zaseRhawutini ezityhola thina baseKZN ngokujika iSanco ibelikhaya lomhlalaphantsi kaZuma nosapho lwakhe. Ngako ke sixelelwe ukuba isigqibo kufuneka siphume ngolwesine kuleveki.  

“Asizusiphikisa esisigqibo, kodwa sifuna ukubuyisela uZuma kwisigqeba esitsha kuba siyamdinga eKZN, kwaye sifuna ukumhlangula kwihlazo abafuna ukumfaka kulo,” utshilo lomthombo.  

Intlanganiso yangoMvulo khange iphume ntweni emva kokuba iinkokheli zikazwelonke zikhuphe imbalelwano eyalela izigqeba zayo ukuba ziyiphikise ngokuqhankqalaza.  

Imbalelwano ekhutshwe zinkokheli zeSanco kuzwelonke ithe, bafuna ukuthetha ngemiba emalunga nombutho weANC ochonga ooceba ngaphandle kokujonga izimvo zabahlali neminye imiceli mngeni. 

“Umbutho weANC ugqibe kwelokuba usijiongele phantsi ngokungathatheli ngqalelo imiba echaphazela iindawo esihlala kuzo. Basixelele ukuba bafuna ukudibana nathi ngoMvulo ukuqulunqa icebo malunga nonyulo lonyaka ozayo. Sigqibe kwelokuba sirhoxe kulentlanganiso kuba iANC isijiongela phantsi, ayisiboni,” itsho imbalelwano.  

Isithethi sombutho weSanco eKZN uNomcebo Msomi kunye nonobhala uRichard Mkhungo khange bafumaneke ukuphawula kwaye iminxeba yabo ibingangeni.  

Umfanekiso ongasentla: ISanco yaseKZN ityhola iANC ngokucupha usihlalo wayo uJacob Zuma 

Imvelaphi yomfanekiso: Ikhasi likaTwitter