
Ngu Zukile Majova
Iinkonzo zonikezelo lombane ngeke zikwazi ukuzinziswa ngaphambi kokuphela konyaka kwaye inkqubo yokucinywa kombane izakuqhuba de kube sembindini wonyaka ka2024.
Ulwakhiwo lwetshimini zethutyana kwiziko iKusile alukaqalisi. Ezitshimini zenzelwe ukuba zithathe indawo yemibhibho yerhasi eyamoshakala kwi unithi yokuqala ngenyanga yeDwarha kunyaka ophelileyo.
Eli licebo elitsha eliyinxalenye yemiqathango yesivumelwano sokuba eliziko libe lelihambiselana nokusingqongileyo ngokwakhiwa kwe tshimini ezihluza i-elementi enobungozi isulphur ngaphambi kokuba ikhuphele ngaphandle umsi udibane nomoya.
Umphathiswa wezombane uKgosientsho Ramokgopa ukubhengeze oku ngethuba lotyelelo lwakhe kwisikhululo iKusile Power Station eMpuma Langa ngoMvulo.
Esisikhululo simoshakalelwe ziyunithi zaso ezine, nto leyo ithetha ukuba yilahleko yemveliso yombane efikele ku3,200NW kunikezelo lombane weli.
Esisikhululo sixabisa iR166 Billion singunobangela wezigaba ezintathu zokucinywa kombane kwaye kulindeleke ukuba ziphinde zisebenze kwakhona iyunithi ezintathu ngenyanga yoMnga ngelixa sizakusebenza ngokupheleleyo ngenyanga yoMdumba kunyaka ka2024.
URamokgopa uthe iKusile izakusebenza ngokupheleleyo ngenyanga kaTshazimpuzi kunyaka ka2024.
“IKusile ibalulekile kuba njengoko usazi ukuba ineyunithi ezintathu ezisamileyo u-yunithi 1, u2 no3 – kwaye kukhona no yunithi 5 osakhutshelwe ngaphandle ongasebenziyo.
“Zonke ke eziyunithi zidityanisiwe ukuba bezisebenza namhlanje ngezisinika umbane olingana ne800MW iyunithi nganye, nto leyo ithetha ukuba bezizakusinika i3,200 MW zombane. oku kuthetha ukuba ngezingekho izigaba ezithathu zokucinywa kombane,” utshilo uRamokgopa.
Kwelinye icala iingxaki ezijamelene no ESkom, inkampani yezamandla ibekele ukuvala iintsuku ezingamakhulu amabini okusebenza kwe-reactor kwiziko lenuclear power iKoeberg.
Ireactor le ikhutshiwe yangasebenzi kuba izakulungiswa, ifakelwe amafutha iphinde ilungiswe kwakhona ngenjongo zokongeza ixesha lokusebenza kwayo ngeminye iminyaka engamashumi amabini.
Njengoko kusenzeka konke oku, isivumelwano sokusebenza kweziko iKoeberg sizakufikelela esiphelweni ngomhla wamashumi amabini ananye kweyeKhala ngonyaka ka2025.
Oku kuthetha ukuba imveliso yombane izakuncipha nge970 MW kwintsuku ezingamakhulu amabini, njengoko iyunithi nganye eKoeberg ivelisa umbane ofikelele ku970 MW.
Umfanekiso ongasemntla: Umphathiswa wezombane uGqr Kgosientsho Ramokgopa utyelele iziko lombane iKusile apho iiyunithi ezine zingasebenziyo
Imvelaphi yomfanekiso: @Kgosientsho_R