
Ngu Zavela Makwabe
Ukukhawulelana nomceli mngeni wamadoda aphelelwa kukwazi indima yawo yokwenene, isebe lezemfundo kwiphondo leMpuma Kapa libambisene neenkokheli zomthonyama, inkonzo yesipolisa kunye namaqumrhu angenzi ngeniso ziququzelele inkampu yamakhwenkwe ethathe iintsuku ezimbini, eyaziwa ngeBoys’ Indaba Camp.
Lomsitho ububanjelwe eMbashe Royal Village Lodge, utsale umdla wamakhwenkwe angaphezu kwamakhulu amathathu, asuka kwilali ezohlukeneyo zeMpuma kwisithili saseAmathole.
UMahlubandile Qwase olibambela ntloko yesithili kwisebe lezemfundo uvakalise inkxalabo malunga nobume bamadoda ekuhlaleni.
“Ingxaki esinayo kukuba amadoda aphulukene nokwazi ukuba yintoni ‘indoda yokwenene’,” utshilo uQwase ngethuba kuvulwa lenkampu.
Eliphulo lijonge ukufundisa amadoda malunga nokuba yindoda yokwenene, behlohlwa ngokuhlonipha amanina kunye nokutshabalalisa zonke iindlela zokuxhaphaza. Njengeko ingxelo zibonakalisa ukonyuka kwezinga lokudlwengulwa ngokungena lusini, abantwana abaphuma phakathi esikolweni kunye nomsindo ongalawulekiyo kubantwana bangamakhwenkwe. Lenkqubo ibizinyaswe yinginginya ijonge ukutshintsha isimilo sabathathi nxaxheba ukuba babe yimbewu entsha yamadoda athatha uxanduva.
injongo emandla yalenkampu yamakhwenkwe kukuxhonxa amakhwenkwe aselula asezakoluka. Ngokujonga inqanaba elibaluleke kangaka kukukhula kwabo, abaququzeleli banethemba lokuba khokhela kwaye bafundise lamakhwenkwe malunga nendima kunye noxanduva abanalo njengoko bezakfikelela kwisigaba sokungena ebudaleni.
“Ngamadoda agcwalisa izisele emajele, bangabenzi bobundlobongela obusekelelwe kwisini kwaye ikwangamadoda ahamba phambili ekusebenziseni gwenxa iziyobisi notywala.
“Oku kuthetha ukuba kufanele siwakhokhele amakhwenkwe asemancinci kwaye siwafundise ngendima noxanduva lwamadoda okwenene,” utshilo uQwase egxininisa ukubaluleka koku.
UAlungile Zenzi oneminyaka elishumi elinesixhenxe, obeyinxalenye yalenkampu wenza ibanga lethoba kwisikolo samabanga aphakamileyo eHolomisa High School eMqanduli, wabelene ngemfundiso azifumene kulenkampu.
“Indifundise ngokubaluleka kokuziphatha njengendoda,” uchazile uZenzi ekhumbula imfundiso ezakhayo azifumene kule nkqubo.
Usekela mlawuli okhethekileyo wezemfundo uPhumezo Mhletywa uchaze kabanzi ngezinto abajonge ukuba ziphunyeleliswe yilenkampu.
“Njengoko sijonge ukunciphisa ulwasuleleko yintsholongwane kaGawulayo noGawulayo, kusetyenziswa kweziyobisi, enye yezinto ezingundoqo esigxile kuzo kukufundisa lamakhwenkwe ngolwaluko olukhuselekileyo,” uchazile uMhletywa.
Uvakalise ithemba lokuba bonke ebebeyinxalenye bazakuwuthatha umyalezo abawufumene kulenkampu bawusabalalise nakwabanye. UMhletywa uphinde wagxininisa ukuba ulutsha lwangoku kufanele luphelise ukuxhatshazwa kwamanina nabantwana.
Umfanekiso ongasentla: Amakhwenkwe esenkampini
Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe