Bavutha ngumsindo abahlali baseHammanskraal 

Ngu Karabo Rammutla

Bafikelele kwiqondo lokugqibela lomsindo abahlali baseHammanskraal, ekumntla wesixeko saseTshwane njengoko begxeka urhulumente wasekuhlaleni ngesihelegu sokusweleka kwabantu abalishumi elinesihlanu ngenxa yokuqhambuka kwesifo sotyatyazo kulelokishi.  

Abahlali abalugcwabevu ngumsindo bagaleleke kwisibhedlele iJubilee Hospital apho uninzi lwenkokheli zepolitiki zimane zibonakala khona oko kuqale esisihelegu.  

Ngelixa zikwazileyo ukungena kwesisibhedlele ezinye inkokheli zopolitiko ukuze zizibone imeko, usodolophu wesixeko saseTshwane uCilliers Brink, uhlangabezene nomsindo wabahlali.  

UBrink kunye ngoogxa bakhe khange bakwazi ukungena kwesisibhedlele, kuba abahlali bebevakalisa ukungoneliseki kukuhamba ngonyawo lonwabu kukasodolophu ukusabela kulengxaki.  

“Ingaba isixeko saseTshwane esikhokhelwe yiDA besilinde ukuba kuqale kufe abantu ngaphambi kokuthatha amanyathelo? Ingaba utyelelo lwakhe luzakubabuyisa abantu abaswelekileyo?” ubhodle wenjenje uMattthew Lesabane ongomnye wabahlali abanomsindo kukulahlekelwa zizizalwane zabo.  

ULesabane unyanzelisa ukuba usodolophu aphindele kumsebenzi wakhe kwaye ajongane nokulungisa iziphumo zokungakwazi ukwenza ngendlela umsebenzi wakhe, ecebisa uBrink ukuba abale imali yembuyekezo azakuyinika amaxhoba kunokuba azibandakanye kwimiboniso yamaphepha ndaba ngathi uyakhathala.  

Kusenjalo, isixeko saseTshwane sikhuphe isilumkiso kubahlali, sibabongoza ukuba bangawaseli amanzi aphuma kwimpompo zabo.  

USelby Bokaba osisithethi sesixeko ubhengeze ukuba amagosa ecandelo lokhuseleko lwasekuhlaleni azakwenza uvavanyo kwisampula zamanzi akhiwe kubobobahlanu ovimba abagcina amanzi, bajonge ucoceko lweziseko ezigcina amanzi anikezelwa kwimimandla echaphazelekileyo eHammanskraal.  

“Lenkqubo izakwenziwa iveki yonke,” ugxininisile uBokaba.  

Lamanyathelo amiliselwe emva kokuba umphathiswa wezempilo kwiphondo laseRhawutini ebhengeze ukuqhambuka kwesifo sotyatyazo ngeCawa.  

Ekuqaleni, ukuthathwa kwesampula zamanzi bekusenziwa kwiziko logcino lwamanzi iRooiwal kuphela, kodwa kwenziwe isigqibo zokuba kuhlolwe onke amaziko agcina amanzi ewanikezela kwindawo zabahlali bezindlu zesigxina kunye nabahlali basematyotyombeni nakwimimandla engqonge iHammanskraal.  

Ukongeza, inkampani iTemba Water-waste Treatment Plant izakudlula kwinkqubo yphlolo ngokuba ivavanywe ukuqinisekisa ucoceko lwamanzi anikezelwayo.  

Ngelixesha lobunzima usekela mphathiswa wesebe lamanzi nococeko uDavid Mahlobo, usekela mphathiswa wezempilo uGqr Sibongiseni Dhlomo kunye nomphathiswa wesebe lezempilo eRhawutini uNomantu Nkomo Ralehoko bebetyelele isibhedlele iJubilee. 

UMahlobo ubhengeze ukumiliselwa kwendawo yentsebenzo ezakuba noxanduva lokulwisana nesifo sotyatyazo esiqhambukileyo, egxinxinisa ukubaluleka kwenjongo yokumiliselwa kweliqela ukuba kukuqinisekisa ukuba esisifo asibhebhetheki kummandla waseTshwane kuquka nokuyithintela ukuba inganwenweli kweminye imimandla yelizwe loMzantsi Afrika.  

Umfanekiso ongasentla: Usekela mphathiswa wezamanzi nococeko ethetha nabahlali baseHammanskraal 

Imvelaphi yomboniso: Ngu Karabo Rammutla