
Ngu Anita Dangazele
Ekuqaleni ibikhangeleka ngathi yinkqubo nje yesiqhelo yokucinywa kombane. Kwathi kwakurhatyela, abahlali baKwanobuhe eKariega baqaphela ukuba ilokishi yonke igutyungelwe bubumnyama.
Abahlali baKwanobuhle oko bengena mbane ukusukela ngoLwesihlanu. Iintambo zombane zibiwa umhla nezolo kule lokishi, kutsha nje kubiwe malunga nentambo zombane eziqikelelwa ku66 KV kwisikhululo esincinci iSan Souci substation esingaphandle kwalelokishi.
Umakhulu uNomakhozana Peter oneminyaka engamashumi asixhenxe anesixhenxe uxelele iqonga leendaba iScrolla.Africa ukuba ngoku sele beqhelile ukungabinawo umbane ngenxa yenkqubo yokucinywa kombane kunye nokubiwa kweentambo zombane.
“Sele isisqhelo into yokungabina mbane kule lokishi ibe ingeyiyo nenkqubo yokucinywa kombane, kodwa ngenxa yokubiwa kwentambo zombane. La maselela akanasazela, iintambo zibiwa emini lihlabe umhlaba.
“Eyona nto imbi nangakumbi kukuba la masela ayaziwa ngabahlali abaninzi kodwa akukhomntu ufuna ukuthetha. Kungenzeka ukuba basebenza nequmrhu lezikrelemqa elikhulu,” utshilo uPeter.
Omnye umhlali uSimthandile Mangesi uthe, amasela eentambo zombane afika ekhayeni lakhe iintsuku zambini zilandelelana ezokuba iintambo ngelixa usapho lwakhe lwaluzivalele ngaphakathi endlini lusoyika.
“Bafika ngezithuba zentsimbi yeshumi kusasa ngelixa umama wam wayehleli yedwa kusuku lokuqala. Ngosuku lwesibini bafika ngenjikalanga, ngexesha lempithizelo. Abantwana babekhona nabo kodwa bazivalela endlini besoyika nokushukuma oku,” uxelele iqonga lendaba iScrolla.Africa.
ULance Grootboom olilungu lekomiti kasodolophu ojongene necandelo lombane nezamandla kumasipala iNelson Mandela Bay uthe linyuka kakhulu izinga lokubiwa kwentambo zombane.
“Sixhalabile kuba kwezintsuku zisixhenxe zidlulileyo, umasipala iMNB ifumanise ukucima kombane kwizikhululo ezingundoqo zombane ezingamashumi amabini anesithathu kwilokishi ezohlukeneyo, nalapho isiganeko sakutsha nje sokonakaliswa kweziseko sichaphazela iward ezisixhenxe kummandla waKwanobuhle.
“Ndicele ukuba ndithunyelwe inkcukacha eziphangaleleyo kuzo zonke iziganeko zokucima kombane kwaye ndacela ukuba kwiziganeko apho kucime ngenxa yokungalungiswa kwesikhululo, okanye kurhanelwa unyawo lwemfene kuqinisekiswe ukuba kukhona abantu abathatha uxanduva kwaye kuthathwe amanyathelo ngakubantu ababandakanyekayo,” utshilo uGrootboom.
Usodolophu womasipala iMNB uRetief Odendaal ude wakhupha imbuyekezo kuye nabani na onokuza ngaphambili nolwazi kweziziganeko.
“I-ofisi yam izakukhupha isixa mali esifikelele kumawaka angamashumi amabini eeRandi, kuye nabani na onokusinika inkcukacha ezinokubangela ukuba kubanjwe lamasela,” utshilo.
UOdendaal wongeze ngelithi kukhutshwe iqela elikhethekileyo elisuka eRhawutini elize kuncedisa kulomsebenzi wokulungiswa kwezizikhululo.
Umsebenzi wokulungiswa kuvuselelwa umbane kwimimandla echaphazelekileyo ulindeleke ukuba uqukunjelwe ngoLwesibini.
Umfanekiso ongasentla: Abasebenzi bombane besebenzela ukulungisa iintambo zobane ezebiwayo
Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe