Unyana ubulele unina emva kosuku loomama 

Ngu Anita Dangazele

Kanye nje emva kosuku loomama, owasetyhini uphulukene nobomi bakhe ezandleni zonyana wakhe oselula.  

Uthe akunyamalala umama wabantwana ababini ngoMvulo, umyeni wakhe obekhathazekile, uye kucela uncedo kwiqumrhu lokhuseleko lwasekuhlaleni.  

Eliqumrhu lithe lifumene ulwazi lokuba lomama uswelekileyo ubegqibele ukubonwa ephila ngunyana wakhe omdala. Emva koko bagqibe kwelokuba kuphandwe unyana lo uneminyaka elishumi elinethoba.  

Unyana lo uxelele abahlali ukuba ukugqibela kwakhe ukubona unina, ebesendlini epheka isidudu ngelixa yena ebephandle ehlamba inja yakhe.  

Abahlali baye banesikrokro bakubona ijakhethi yonyana inodaka ngasemva, olumilise okwesandla somntu. Uthe xa ebuzwa waxelela abahlali ukuba ebezibambe ngasemva.  

Omnye wabahlali obekhona ngethuba kuxinwa unyana ngemibuzo, uNomfuneko Ntshinga uthe baqaphele ukuba unemikrwelo emqaleni nto leyo ibenze bamsola nangakumbi.  

“Sithe ngoku simbuzayo, omnye wabahlali waqaphela ichaphaza legazi edongeni. Ndaphi nam ndaqaphela imophu ebifihlwe kwigumbi lokulala ukuba inuka igazi,” utshilo uNtshinga.  

“Sithe njengoko siqhuba nokuphanda, ndaqaphela amachaphaza wegazi amaninzi kumgubasi, into ebonakalisa ukuba lomama ebesilwela ubomi bakhe.” 

UNtshinga uthe ngelixa bekhaphe umyeni wexhoba besiya kwisibhedlele iCecilia Makhiwane beyokukhangela inkosikazi yakhe, umrhanelwa lo usale ezama ukuboleka umhlakulo komnye womakhelwane.  

“Xa ebuzwa ukuba uzakuwuthini umhlakulo, uthe ebezakucoca iyadi.” 

Ekugqibeleni kushicilelo lomboniso obonwe liqonga leendaba iScrolla.Africa, umrhanelwa oneminyaka elishumi elinethoba uvakele echazela iqumrhu lokhuseleko lwasekuhlaleni ngendlela abulele ngayo umama wakhe.  

“Ndingenile ngethuba ekorobha phantsi, ndatyibilika ndawa, yena wandithuka. Ndicele uxolo kodwa waqhubeka endithuka engxola. Ndaphuma phandle ndabuya ndiphethe [ilitye] wandibetha [nge mop]. Ndimbethe ebusweni ngelitye wafeyinta,” utshilo.  

Kulomboniso lenkwenkwe ixelele abahlali ukuba ebekholelwa ukuba umama wakhe ufe isiqaqa ngethuba emtsala emsa emva kwendlu apho amsonge ngengubo ebezonekwe ecingweni.  

Iqumrhu lokhuseleko lasekuhlaleni lixelele iqonga leendaba iScrolla.Africa ukuba umrhanelwa lo aselula unikezelwe emapoliseni.  

Ngexesha lokupapashwa kwelinqaku, bekungeka qinisekiswa ukuba umrhanelwa ubekwa ityala lokubulala kusini na.  

Umfanekiso ongasentla: Ikhaya apho kwehle isihelegu sokubulawa komama welikhaya 

Imvelaphi yomfanekiso: Ikhasi likaFacebook