UJacob Zuma ujonge ukuthatha intambo kuMangosuthu Buthelezi 

Ngu Celani Sikhakhane

Iinkokheli zemveli kwiphondo laKwaZulu-Natal ziceba ukufaka lowo wayesakuba ngumongameli weli uJacob Zuma kwisihlalo sokuba yinkulumbuso yesintu – xa inkosana uMangosuthu Buthelezi ithe yathatha umhlala phantsi kwesisihlalo.  

NgeCawa iinkokheli zemveli bezidibene komkhulu kwaKhangela mankengane kwintlanganiso yabucala noKumkani uMisuzulu njengoko beziyokomeleza icebo lazo.  

Ngomgqibelo uButhelezi uvakalise kwintlanganiso ebibanjwe kusetyenziswa ubuxhaka xhaka balemihla, kwiqonga likaZoom ukuba akalahli esikhundleni sakhe kodwa akazubambelela kwesisihlalo. 

UButhelezi uphinde wakhwela ezehlela kuZuma emtyhola ngokujikela isizwe saKwaZulu ngokuba ngumqobo wokuba kukhutshwe isetifikethi esigunyazisa inkulumbuso yemveli kumgaqo siseko weli. 

Samsung Galaxy 14G

Uthe uZuma wajikela ngasemva kubo ngethuba wayelilungu lendlu yowiso mthetho yaseKZN ekwangusihlalo wombutho weANC ngeminyaka yoo1990.  

“Ngeyure yokugqibela, inkundla yomgaqo siseko E yayithunywe ukuba iqinisekise umgaqosiseko wephondo laKwaZulu-Natal, uMnumzana uJacob Zuma wajikela ngasemva kwethu wabangumqobo owabangela ukuba esisikhundla singagunyaziswa. Ngako ke umbutho weANC wavala ukuba singathathelwa ngqalelo esisikhundla ngumthetho weli,” utshilo uButhelezi.  

UButhelezi uhleli kwisikhundla senkulumbuso yesintu iminyaka engaphezu kwamashumi asixhenxe.  

Iqonga leendaba iScrolla.Africa liyaqonda ukuba iinkokheli zemveli ziphakamisa ukuba uZuma kufuneka athathe ulawulo kuButhelezi.  

“Elicebo lenziwe ngempumelelo ukudibanisa uKumkani uMisuzulu kaZwelithini noZuma njengo mphathiswa wakhe wezemveli. Uzakubona ukuba ngoku babamba intlanganiso kunye njengoko bebenzile kumsitho wothweso zodanga kwiDyunivesithi iUKZN kutsha nje,” enye yeenkosi zemveli ixelele iqonga leendaba iScrolla.Africa.  

“UButhelezi akonwabanga kwaphela. Yilonto ehlasele uZuma ngaphandle kwesizathu ngoMgqibelo. Ukuba ebenenkxalabo ngezinto ezininzi bekufanele uhlasele uKgalema Motlante malunga nesiphakamiso sakhe sokuba kubhangiswe Ingonyama Trust.”  

UZuma khange aphendule kwimibuzo ebithunyelwe kuye ngesithethi uMzwanele Manyi weJG Zuma Foundation.  

Ngolwesihlanu uButhelezi ulindeleke ukuba adibane neenkosi eMpangeni, kodwa akukacaci ukuba yintoni ezakube ixoxwa kulentlanganiso.  

Umfanekiso ongasentla: Liyaqhuba icebo lokukhupha uPrince Mangosuthu Buthelezi njengenkulubaphathiswa yenkosi zemveli