IGallants zihambele phambile kwiCAF kodwa zikhutshiwe kwiPSL 

Ngu Micheal Madyirha

Ngabaqeqeshi abathathu abebejongene ne qela iMarumo Gallants kule sizini, uRomain Folz, uDan Malesela kunye noRaymond Madaka. 

Umanejala owongezelelweyo uDylan Kerr naye uye wazibandakanya neliqela, njengomanejala wesikhokhelo kwimicimbi ethili yeliqela, ngexesha apho iqela lseLimpopo liwela ngumqa esandleni kwimidlao yasekhaya kunye nemidlao yaseAfrika.  

Emva kwempumelelo yalo eyothusileyo kwindebe ye CAF Confederations Cup apho lifikelem kwimidlao eyandulela amagqibela kankqoyi, ilishwa lilele endleleni yeGallants zazibona zikhutshelwa ngaphandle kwindebe yePremier Soccer League.  

Ukubethwa ngamanqaku amabini eqandeni liqela leSwallows FC, kuvuselele iveki yobuhlungu emva kokuba eliqela likhutshelwe ngaphandle kwimidlalo yeConfederations Cup kwintsuku ezintathu ngaphambi kwalomdlalo.  

Ukuphela kwesizini yabo kube kubi, Ukubethwa kwimidlalo emine kunye nokudlala ngokulinganayo kwimidlalo yabo emihlanu yokugqibela kuyo yonke imidlalo yabo yokhuphiswano.  

Ukuwa kweqela laBahlabane baNtwa kube kokothusayo kwaye kuze emva kokuba bekhuphe iqela laseEgypt, iEgyptian moneybags Pyramids kukhuphiswano lweCAF Confederations Cuop kwimidlao emibini eyandulela eyamagqibela kankqoyi.  

“Sibethiwe kwaye sakhutshelwa ngaphandle,” utshilo uMdaka kwiqonga leSABC Sport.  

“Andinakutshio ukuba ukhona umahluko kwindlela esidlale ngayo apha nendlela esidlalengayo phaya [kukhuphiswano lweCAF Confederatins Cup]. 

“Zange nditsho ukuba sigxile kweliphi icala leliphi esilishiyayo. Yonke into izenzekele. Akukhonto sizakuyigxeka kwinto eyenzekileyo. Sidlalile kwaye eminye imidlao sikwazi ukuyiphumelela.” 

Nangona ifumene ubunzima ukuba iphume kwizembe lokukhutshelwa ngaphandle kwiPSL, eli liqela elikwaze ukudlala imidlao esibhozo ilandelela kwiPSL ingakhange ibethwe phakathi kwenyanga yoMqungu ukuya ebutsheni benyanga kaCanzibe.  

Omnye wabadlali beliqela waphambike uRanfa Chivaviro ubekhupohisana kwimbasa ye PSL Golden Boot contender ngamanqaku alishumi  kunye nabadlali ababini abekhuphisana nabo kwabahamba phambile ukufaka amanqaku uPetert Shalulile kunye noKhanyisa Mayo.  

UChivaviro uphinde abengoyena mdlali unamanqaku amaninzi kukhuphiswano lweConfederations Cup ngamanqaku asixhenxe.  

“Eyona nto imbi kukuba sibethwe [yiSwallows] kumdlalo apho sizakuohelelwa sisidima sokudlala kwiPSL,” utshilo uMdaka. 

“Sidandatheke kakhulu yilonto. Khange siyicingele kwaphela, nangona besiyinxalenye yamaqela amathathu ebelwela ukuba angakhutshelwa ngaphandle, kodwa khange ifike ezingqondweni zethu ukuba singazifumanisa sikulemeko.” 

Uninzi lwabadlali beqela leGallnts bayanyaniswa nokuzibandakanya namaqela adlala kwiPSL, kwaye oku kungawenza nzima umzamo weliqela ukuba libuyele kwesisigaba siphambile sebhola ekhatywayo kweli.  

Umfanekiso ongasentla: Abadlali beMArumo Gallants uLesiba Nku noLucky Mohomi 

Imvelaphi yomfanekiso: Iqela leMarumo Gallants