
Ngu Thabisa Ndzindzwa
Amafama asakhulayo afuya iinkukhu kweliphondo leMpuma Kapa akhangela naphantsi kwezicithi amachiza anokubancedisa ukulwa nesifo seenkuku esiqhambuke kutsha nje, esibizwa nge avian influenza.
Ukuqhambuka kwesisifo kwaqala kwabhengezwa ngurhulumente wephondo leNtshona Kapa ngomhla wamashumi amabini ananye kwinyanga kaTshazimpuzi, kwaye sinwenwe sada safikelela kwimimandla ethile yephondo leMpuma Kapa.
Abafuyi beenkuku kummandla waseMt Fletcher bachaphazeleke nangakumbi, kwaye bazama onke amacebo ukusukela kumachiza ezityalo zemveli ukuya kumachiza athengiswa kwivenkile zamachiza.
UNomahlubi Rose Phambo obenenkukhu zenyama ezilikhulu elinethoba kunye neenkuku zamaqanda ezingamakhulu amabini namashumi amabini anethoba ufelwe zinkuku ezingamashumi amahlanu anethoba ngenxa yesisifo.
“bekunzima kuba bendizifumana sele zifile,” utshilo.
“Ndizamile ukusebenzisa amachiza ohlukeneyo kodwa khange andincede kwaphela, ndide ndancedwa ziinkonzo zoogqirha bemfuyo baseMatatiele abafika batsala igazi kwinkuku zam, bandinika ichiza elinceda ukulwa nezifo ezibangewa ziintsholongwane.”
Uthi ngoku uqalise ukusebenzisa namachiza emveli asemakhaya ukumncedisa ukuthintela izifo ezibangelwa ziintsholongwane kuba ecetyiswe ngomnye wabafuyi ongakhange achaphazeleke sesisifo – ukholelwa ukuba usinde kwesisifo ngenxa yalamachiza.
UNosipho Vuthela ongusihlalo wequmrhu lokopolotyeni wolutsha iGedlumhlanga Youth Co-op and Farmers uthi usoloko esebenzisa amachiza emveli amnceda ukuthintela naziphi na izifo ezibangelwa ziintsholongwane.
“Ndisebenzisa izityalo ezingamachiza ezifana netswele, kuba inceda ukuthintela izifo ezibangelwa ziintsholongwane, ndisebenzise nespinach esincedisa iinkukhu ukufumana izakhamzimba kunye nomhlabangulo onceda ukukhusela kwizifo ezibangelwa ziintsholongwane,” utshilo.
Uthi njengomfuyi osakhulayo kubalulekile kuye ukuba asebenzise ezindlela zokukhusela imfuyo yakhe kuba zonga imali, njengoko esebenzisa izityalo ezihleli zikhona kwigadi yakhe.
Lomfama usaze ngobuso elizweni uthi ukholelwa ukuba onke amafama kufanele aqaphele xa kutshintsha isizini ziba ninzi izifo eziqhambukayo, kwaye kufuneka balandele imigaqo yokhuseleko ukuqinisekisa ukucoceka kwendawo ehlala imfuyo yabo.
Ezinye zezizifo zibangelwa kukungcola nokungangeni komoya owaneleyo kwindawo ekuhlala inkuku.
“Into endisebenzelayo kukusebenzisa amachiza emveli afana ne aloe vera kuba anemisebenzi emininzi ayenzayo. Ndiphinde ndisebenzise itswele ndiligalele emanzini eziwaselayo kwaye nangaphezu kwendawo ezihlala kuyo ukuze lithintele izifo.”
Umemelela abafuyi ukuba bawasebenzise lamachiza kwinkqubo zabo zemihla yonke bekhulisa iinkuku kuba uyakwazi ukuhlala usebenzisa wona kwaye akabizi mali ininzi ukuwafumana.
UNosipho ufuya iinkuku zenyama azifuya ngezigaba ezohlukeneyo, zibe likhulu ngexesha ukuqinisekisa ukuba akaphelelwa ziinkuku zokuthengisa. Kwaye iinkuku zakhe zithatha iiveki ezisixhenxe ukuba zilungele ukuthengiswa.
Umfanekiso ongasentla: Iinkuku zenyama ezineveki ezintathu
Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe