Abahlali bayazenzela kumbane wenkundla kamantyi ePhilippi 

Ngu Buziwe Nocuze

Abahlali bamatyotyombe aseSiyangena bamile kwelithi bazakuqhubeka betsala umbane kwisikhululo esincinci sombane esisecaleni kwenkundla kamantyi ePhilippi.  

Lamatyotyombe aqale ukuba yindawo yokuhlala ebalaseleyo ukusukela ngenyanga yoMqungu ngonyaka ka2018, kwaye akhiwe kufutshane nodederhu lwevenkile iPhilippi Shopping Centre.  

Uzandisile Ntambo ongumhlali oneminyaka engamashumi amane uvakalise ukukhathazeka kwakhe ngabantu abagxeka ukutsala kwabo umbane ngokungekho mthethweni, ebabongoza ukuba umsindo wabo bawujolise kwisixeko saseKapa.  

UNtamo umele ilungelo lokubanombane kwabahlali balamatyotyombe, ebalula ubude bexesha behleli kulendawo yakhiwe kumhlaba wabucala.  

Samsung Galaxy 14G

“Kudala sihleli apha ukusukela ngonyaka ka2018, ingaba yintoni ebangela isixeko singasifakeli umbane kulendawo?” ubuzile.  

Uthe ukholelwa ngamandla ukuba isixeko besizimisele ngenene ukuba fakela umbane, ngesele siwuthengile lomhlaba kumnikazi wawo.  

“Sisoloko sixelelwa ukuba sakhe kumhlaba wabucala. Yintoni enzima ukuba isixeko sithetha thethane nomnikazi womhlaba?” 

Omnye wabahlali ocele ukungadizwa, uvakalise inkxalabo makunga nokhuseleko olungekhoyo ngenxa yokutsalwa kombane ngokungekho mthethweni kulendawo yamatyotyombe.  

“Ngenene, isikhululo esincinci sombane abatsala kuso sikufutshane kanye nenkundla. Ingaba ayizokuphazamiseka inkundla ukuba siyaqhushumba?” 

Kwakhona lomhlali ubalule uphazamiseko lwamaqumrhu angenzi ngeniso okubangelwa kukutsalwa kombane ngokungekho mthethweni.  

“Yonke imihla xa ndidlula ndisiya emsebenzini, kufuneka ndiqiniseke ukuba ndijonge phantsi. Ukuba andijonganga ndinganyathela ngempazamo kwenye yeentambo ezinombane ezisuka kwesisikhululo sincinci isiya kumatyotyombe abo.” 

UNomsa Zintonga oneminyaka engamashumi amathathu anesibhozo, ngumhlali waseSiyangena, uyabungqina ubungozi obubangelwa kukutsalwa kombane ngokungekho mthethweni.  

“Ukuba besinayo enye indlela ngesingatsali kwesisikhululo. Kodwa ke kuphela kwendawo ekufutshane kuthi. Siyabuqonda ubungozi ebabeka kubo abantwana bethu, kodwa siyawudinga umbane,” utshilo uZintonga.  

Ngokuhamba nje kulommandla abahlali nabatyeleli bajamelene nokukhathazeka kunye nobungozi.  

Inkxalabo noloyiko lokuba ngamaxhoba ezikrelemnqa ezibhadula kulommandla, kukhatshwa naluloyiko lokubanjwa ngumbane ngenxa yeentambo ezingakhuselekanga zinombane, kunyanzelise abahlali ukuba banyanzelise isisombululo esikhawulezayo.  

Isixeko saseKapa sicacisile ukuba sime phi, sibalula ukuba lamatyotyombe akhiwe kumhlaba olawula bucala.  

Isixeko simile kwelithi ngaphandle kwemvume yomnikazi womhlaba, abakwazi kunikezela ngeenkonzo kumhlaba wabucala.  

“Ababahlali bamatyotyombe baxhuma kubuxhaka xhaka bombane osele ukhona ngokungekho mthethweni, nokuba basebenzisa iintambo eziphezulu, ezihamba phantsi komhlaba okanye iipali zasesidlangalaleni kunye nezikhululo ezincinci ezihambisa umbane,” sithilo isisthethi sesixeko.  

Kungoku nje isixeko saseKapa simemelela bonke abahlali ukuba baqaphele kwaye bathathe uxanduva malunga nokukhusela iziseko zombane ngokuthi baxele zonke iziganeko kwinkonzo yesipolisa yoMzantsi Afrika kunye nesixeko saseKapa.  

Umfanekiso ongasentla: Abahlali bamatyotyombe iSiyangena ePhilippi baxhuma umbane ngokungekho mthethweni ukusukela ngionyaka ka2018 

Imvelaphi yomfanekiso: NguBuziwe Nocuze