
Ngu Anita Dangazele
Njengoko impelaveki ephelileyo ibiyonganyelwe yimvula nengqele eqhaqhazelisa amazinyo, umfundi webanga laka GradeR uchithe impelaveki yonke elele kwingqele yegumbi lokufunda kwisikolo samabanga aphantsi iJA Ncaca Primary School kwilokishi yaseLingelihle eKaladokwe.
Ngenjikalanga yangolwesihlanu omama wakhe wakhangela ekhathazekile kuba unyana wakhe engabuyanga esikolweni. Lomama wabhiunqela phezulu esiya kwesisikolo ukuya kukhangela unyana wakhe.
Umama kunye nootitshala bakhangela ngaphandle kwesakhiwo sesikolo kodwa lomfundi webanga lakwaGrade R zange afumaneke.
Ngentseni yangoMvulo xa umncedisi wotitshala kunye nabafundi bevula igumbi lakwaGradeR bothuswa kukubona lenkwenkwana ilele okosana kunina, iphelelwe ngamandla.
Emva kokufunyaniswa kwakhe, kwabizwa unina womntwana ukuba aze esikolweni kunye nenkonzo zoncedo olukhawulezayo lwezempilo. Kwacaca ukuba imeko yalenkwenkwana imbi kakhuli ukufika kwakhe esibhedlele saseKaladokhwe, kwanyanzeleka ukuba adluliselwe kwisibhedlele iDora Nginza eGqeberha nenqwelo ntaka.
Isikolo samabanga aphantsi iJA Ncaca Primary esikwilokishi yaseLingelihle besisokloko sijamelene nomceli mngeni wokunqongophala kwamagumbi okufundela, sade sabe sifumana inxaso kumsamariya olungileyo owanikela ngokusixhasa ngesakhiwo esikwinkana yedolophu yaseKaladokhwe apho kufundela amabanga amabini.
Ubanga lakwa GradeR no Grade2 bafundela kwesisakhiwo sisedolophini ngelixa amanye amabanga efundela kwisakhiwo eingundoqo sesikolo elokishini.
Lenkwenkwana ineminyaka emihlanu ibivaleleke kwisakhiwo esisedolophini impelaveki yonke.
Omnye wabazali abaxhalabileyo yilemeko ucele ukuba angadizwa esithi, bagalelekile ngolwesibini nangolwesithathu kwesisikolo benyanzelisa iimpendulo.
“Sidibene nootitshala kunye neofisi yesebe yesithili kodwa asonelisekanga zimpendulo zabo. Basixelele ukuba benza uphando lwangaphakathi kwaye abakwazi kubhengeza iziphumo zalo okwangoku.
“Inqununu kufuneka ithathe uxandiva ngokupheleleyo kwaye umthetho kufuneka udlale indima yawo. Kukhona umntu ekufuneka ephendulile ngesisehlo. Abanaye notitshala otitsha ibanga likaGrade R. Abafundi baphantsi kweliso lotitsha oncedisayo ongenaso nesakhono sokutitsha,” utshilo lomzali kubonakala ukuba unomsindo.
Isithethi sesebe lezenfundo kwiphondo leMpuma Kapa uMalibongwe Mtima usiqinisekisile esisiganeko.
“Ewe esisiganeko sothusayo senzeke kwimpela veki ephelileyo. Noxakunjalo sisenza uohando lwangaphakathi malunga nemeko erhangqe esisiganeko. Akukhono ingako sinokuyithetha okwangoku,” utshilo uMtima.
Itshantliziyo lamalungelo abantwana uPetros Majola weKhula Developmente ubongoze isebe lezemfundo kwiphondo leMpuma Kapa ukuba libekele bucala imali yokuba izikolo ziqesha onogada.
“Esisiganeko ngesingenzekanga ukuba esisikolo besinonogada. Bebezokwazi ukubona ukuba kukhona umntwana ovaleleke ngaphakathi kwigumbi lokufundela,” utshilo uMajola.
Abazali abakhathazekileyo baxelele iqonga lendaba iScrolla.Africa ukuba kuvulwe ityala lolwaphulo mthetho emapoliseni. Ukanti ngethuba kupapashwa elinqaku, amapolisa ebengekaqinisekisi ukuba ityala livuliwe ngenene.
Umfanekiso ongasentla: Abantwana beme emigceni yokuthandaza kwisikolo samabanga aphantsi iJA Ncaca primary school eCradock.
Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe