Ufuna iphume iphele kwiyadi yakhe itransformer umhlali waseKapa 

Ngu Buziwe Nocuze

UNomayenzeke Sipele umemelela isixeko saseKapa ukuba sikhuphe isikhululo esincinci sombane (iTransfomer) kwi yadi yakhe.  

Lo kaSipele ohlala kwindawo yaseHazeldene eKapa uthe le transformer yimbangi yokuba ajamelene niobuhlungu bodwa, oko kwathi kwakhiwa indawo yamatyotyombe akufuphi nabo iRamaphosa kwiminyaka emihlanu eyadlulayo.  

Isicelo sika Sipele silandela isiganeko sakutsha nje apho indoda yamatyotyombe aseRamaphosa yadutyulwa yabulawa ngamapolisa ngeyure zentseni yangoLwesithathu kwivekli ephelileyo. Lendoda kunye nabanye babezama ukweba umbane ngokuxhuma ngokungekho mthethweni kwiTransformer ekwi yadi kaSipele. 

“Ndiphila ngoloyiko. Abantu bacinga ukuba ndim obize amapolisa,” utshilo.  

“Ndisoloko ndingoyena mntu ucutshiweyo kuba le transformer ingaphakathi kwiyadi yam. Zandi ndibize mapolisa. Babesenza ugqogqo lwabo njengoko besoloko besenza xa kucinywe umbane.” 

Sele kuphele iminyaka indlu yakhe isenziwa isisulu sokuxhuma umbane ngokungekho mthethweni, kwaye woyikela ubomi bakhe ingakumbi emva kwesisiganeko.  

“Akukho mntu kufanele aphile njengendlela endiphila ngayo. Andikwazi kulala kuba kusoloko kukhona abantu eyadini yam. Njengoko omnye wabo ebulewe, andisazi noba bazoxhuma umbane okanye bazohlasela mna,” utshilo.  

USipele uthi akasazi nokuba mangaphi amatyeli indlu yakhe isinda ekutsheni ngenxa yokuxhunywa kombane ngokungekho mthethweni, kwaye uzva ngathi ngoyena mntu udeliweyi ngabantu balamatyotyombe.  

“Ekuqaleni babexhuma kwipali yombane engaphambi kwendlu yam. Ngoku lepali yasuswa kwafakwe umbane owembelwe ngaphantsi komhlaba, ngoku bangena eyadini yam,” utshilo.  

Omnye wabahlali bamatyotyoimbe aseRamaphosa ocele ukuba angadizwa uxelele iqonga lendaba iScrolla.Africa ukuba amapolisa abothusa ngosuku lwesiganeko.  

“Abantu bethu baya kulandawo ukuya kuxhuma umbane ngokufanayo nento eyenziwa zezinye iindawo zamatyotyombe ezixhuma umbane kwindawo ezinezindlu zesigxina, ezikufutshane nendawo yamatyotyombe. Basokolo bewabona amapolisa xa esiza ngezibane eziluhlaza kodwa zange bawabone ngosuku lwesiganeko,” utshilo.  

Isixeko saseKapa sithe zine izikhululo ezincinci zombane kummandla waseHazeldene, zikwindawo ezohlukeneyo kwaye akukho nenye ebekwe kwiyadi yomhlali.  

Isixeko sithembisile ukujonga indlela yokusihambisa esisikhululo sincinci emva kokufumanisa ukuba siphi kanye kanye, kwaye sizakwenza uvavanyo malunga nemeko siqhakamshelane no Sipele.  

Umfanekiso ongasentla: UNomayenzeke Sipepe ucela isixeko saseKapa ukuba sisuse isikhulululo ezincinci sombane kwiyadi yakhe.  

Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe