Kuphelile ngesikipha seANC 

Ngu Zukile Majova

“Ndingase ndilale ndinganxibanga kunokuba ndinxibe isikipha seANC. Ngaphandle koko abasoze bayifumane eyama ivoti ngosuku lovoto.”  

Leyo yimpendulo kaZilungile Mzozo waseNtabankulu kweliphondo leMpuma Kapa, ephendula umbuzo wam malunga nokubaluleka kwesikipha seANC ngonyaka ka2023. 

Kwiminyaka engamshumi amanini eyadlulayo, kwakunyanzelekile ukuba ubani nobani abenaso isikipha seANC, ingakumbi kulommandla ungumbindi wombutho weANC. Abo bambalwa babenazo babezinxiba ngenqhayiya kunye nakwimisitho ekhethekileyo ukubionakalisa ukuzimanya kwabo nombutho wophuhliso katata uNelson Mandela.  

Namhlanje ukunxiba nasiphi na isinxibo sombutho weANC kubonakalisa ukuzimanya leqela elibizwa “ngamamenemene” ka Tambo”.  

Samsung Galaxy 14G

Oku kundikhubuza eyonanto yayimelwe ngumbutho weANC kubantu bendawo yam KwaBhaca, eyna ndawo ihleleke nangakumbi kweli, apho abahlali bangenawo namanzi aphuma etephini, apho kusasetyenziswa izindlu zangasese zemingxunya. 

Namhlanje, nditsho nakulo mbindi wombutho weANC, utshintsho luyeza. Umbutho weFF+ ufumana iivoti ezininzi kulommandla, ngelixa umbutho weDA kwisebe lomasipala waseMzimvubu ukhule ngomyinge ongaphezu kwamakhulu amathathu ukusukela ngolonyulo loorhulumente basemakhaya lwangenyanga yeNkanga ngonyaka ka2021. 

Ngako ke ndizive ndisothuka ngolwesine xa ndibona usekela nobhala wokuqala wombutho weANC uNomvula Mokonyane kunye namalungu azinikeleyo ombutho weANC enxibe izikipha zeANC beyogaya inkxaso kwa ward 2, kummandla waseMvoti eKZN njengoko bejonge kulonyulo lovalo zikhewu ngomhla weshumi elinesine kwinyanga yesilimela.  

Abahlali bafumene imana yezikhipha zasimahla, kodwa bazokwenza ntoni ngazo njengoko beqhubeka nokuphila kwimeko ezingaginyisi mathe, bejamelene nendlala kunye nophuhliso olungekhoyo?  

Ngokolwazi lwam, ndifumanise esisikipha singeyonto sisebenza kakuhle kakhulu ukuvala umoya ongena ngaphantsi komnyango ngobusuku okanye amanzi angena endlini xa kunetha. 

Nezinto ezingeloncedo zinawo umsebenzi, ngokucinga kwam. Ngokufanayo nephephandaba elidala linawo umsebenzi wokusonga ifishi ethosiweyo ne chips. 

Njengoko esaziwa ngelika Mama Action, uMokonyane uxelele abahlali ukuba badlulisele ngaphambile igama longqatswa othembekileyo, ongumfundisi wenkonzo yasekuhlaleni uDan Khumalo.  

“Into endinokuyithetha kukuba, sonwabile kuba wonke ubani wasekuhlaleni, abadlala nabancinci bayamazi umfundisi uDan Khumalo ongumgqatswa weANC kumommandla. 

“Uthandazela abagulayo aphinde akhokhele ibandla lasekuhaleni, kwaye siyathemba ukuba wonke umntu uzakubona ngezenzo zakhe ukuba umbutho weANC uthembekile kwaye unabo abantu abathanda ukusebenzela abantu basekuhlaleni.” 

Umfanekiso ongasentla: Izikipha zombutho weANC