
Ngu Celani Sikhakhane
Ukuhlawulwa kwelobola, ekulisiko lokuphisa ngeenkomo ezilishumi elinanye kusapho luka Makoti, kujamelene nokugxekwa okumandla kumhlaba wesizwe saKwaZulu.
Amaxesha amaninzi ibalwa njengonobangela wenani elixhomileyo lezithandani ezingatshatanga. Ngokwesiqhelo iinkomo ezilishumi elinanye zixabisa imali ehamba ide ifikelele kwikhuli lamawaka eeRandi (R100 000).
Izimemezelo zokuba lenkqubo ibhangiswe ziyanda, nalapho kungabantu abanefuthe elikhulu abayinxalenye yezizimemezelo.
Unkosi Nqayizivele Sithole, ongusekele sihlalo wendlu yenkozi zomveli kunye namaKhoi San uxelele iqonga lendaba iScrolla.Afrioca ukuba lenkquba ichotshelwa kwingxoxo ezibalulekileyo kunye nabantu abafundileyo, abenza uphando, abantu abadlal kunye nabanye abathathi nxaxheba basekuhlaleni.
“Bayakhala abantu ngexabiso eliphezulu leenkomo ezilishumi elinanye ezisiwa kusapho luka makoti.
“Ukuhlawulwa kwelobola kuneminyaka emininzi kakhulu kukhona kwisiko laKwaZulu,” utshilo. Ngaphambi kokufika kwamaKoloniyali, “abantu babehlawula inkomo enye okanye ezimbini ukuqala ubuhlobo phakathi kweentsapho ezimbini, usapho lwakulomyeni nosapho lwakulomakoti.”
Umthetho wokuba ilobola kufuneka ibe ziinkomo ezilishumi elinanye uyaphehlelelwa unobhala wamaKoloniyali aseNatal kunye nemicimbi yeMveli uTheophilus Shepstone kumhlaba wesizwe sakwaZulu ngeminyaka yo1810.
“Zininzi izikhalazo eziphakanyiswayo kwaye kukhona abantu abafuna lenkqubo ibhangiswe okanye inikwe ingqwalasela ukuze ihlengahlengiswe,” itshilo lenkosi.
Lunyaka ophelileyo kumsitho womhlanga iReed Dance owawubanjelwe komkhulu ebhotwe eNyokeni, unkosi Sifiso Shinga ongusihlalo wendlu yenkosi zemveli namaKhoi San wayiphakamisa lenyewe kuKumkani uMisuzulu kaZwelithini.
Unkosi Thanduyise Mzimela ongusihlalo webhodi yeIngonyama Trust uxelele iqonga lendaba iScrolla.Africa ukuba bafuna lenkqubo ingangiswe ngokupheleleyo.
Uphando olwapapashwa ngonyaka ka2011 yiDyunivesithi yaKwaZulu-Natal enesihloko esithi Umtshato neLobola kwintlalo yalemihla kwaZulu, uDorrit Posel kunye no Stephanie Rudwick babhengeza ukuba ukuhlalisana kunye nokuhla okumandla kwezinga lemitshato ukusukela ngonyaka ka1994, kubangelwa kukuxhomma kwexabiso lelobola.
Umfanekiso ongasentla: iinkomo