
Ngu Buziwe Nocuze
Wasala ebila ngumsindo owasetyhini emva kokutyelela iziko lempilo lasekuhlaleni apho kwahlekiswa ngentlungu yakhe ngumongikazi ongazange ayithathele ngqalelo imeko yokugula kwakhe.
Esisiganeko senzeka ngomhla weshumi elinesibini kwinyanga kaCanzibe kwiziko lempilo iVanguard Community Day Centre KwaLanga eKapa, sibangele ukunyuka kwamaphaphu kunye nezimemelelo zokuba kuthathwe amanyathelo ngesenzo somongikazi esingakhange sibonakalise sakhono kwaphela.
Lomguli uneminyaka engamashumi amathathu anesibhozo, ucele ukuba angadizwa, wayecela uncedo ngengxaki eqhubayo malunga nokuya kwakhe exesheni.
“Sele kuphele inyanga ndisiya exesheni ngako ke ndaya kwesisibhedlele ukuya kufumana uncedo,” utshilo.
Endaweni yokufumana umntu ozakumvela amxhase, wafumana impendulo abengayilindelanga ivela kumongikazi.
“Ndachaza kulomongikazi ukuba kutheni ndilapha nje kodwa waqalisa wahleka. Ndandizibuza ukuba yintoni ehlekisayo ngokuba sexesheni ixesha elide kangaka,” utshilo.
Lomguli wayemangalisiwe yintetho engafanelekanga oluhlobo iphuma kumongikazi.
“Akazange aphelele ekundixeleleni ukuba lemeko iqhelekile, kodwa waphinda wandixelela ukuba esona sizathu sibangela ukuba ndize kweliziko lempilo kukuba ndifuna ukwabelana ngesondo,” uchazile lomguli.
Lomguli wazama ukugxininisa ukuba imeko yakhe ifuna ukuthathelwa ingqalelo kodwa umongikazi zange abonakalise mdla kwaphela. Wamxelela engamhoyanga ukuba makagoduke alinde ukuba ukuya exesheni kunciphe ngendlela yendalo.
“Ndavuka ngentsimbi yesine kusasa ukuze ndibe ngowokuqala emgceni, kodwa lomongikazi wohluleka ukwenza umsebenzi wakhe. Utyelelo lwam kwesasibhedlele lwalungenanto yokwenza nokwabelana ngesondo. Ndandikhathazekile yinto eyenzeka kum kwaye yena wakhetha ukwenza intlekisa ngayo,” utshilo.
“Uphaya ukunikezela ngeenkonzo hayi ukuhlekisa.”
UNatalie Watlington oyintloko yezonxibelelwano kwisebe lezempilo kwiphondo leNtshona Kapa kummandla weSouthern Sub-Structures uxolisile exolisela isebe lezempilo.
“Le mpatho ayamkelekanga kwaphela,” utshilo.
UWatlington uthe umanejala weziko lempilo uqhakamshelene nesiguli kwaye bacwangcise olunye usuku apho azakuhlolwa imeko yakhe.
“Siyasibamba isigqibo sokuzibophelela kwethu ukunyanga wonke ubani ngentlonipho nangesidima,” utshilo uWatlington.
Umfanekiso ongasentla: owasetyhini oneminyaka engamshumi amathathu anesibhozo waKwaLanga eKapa, washiya iziko lempilo iVanguard Community Day Centre ebila ngumsindo emva kokuba umongikazi ehlekise ngengxaki anayo yokuya exesheni ixesha elingaqhelekanga
Imvelaphi yomfanekiso: Ngu Buziwe Nocuze