Owasetyhini uphumelele unyulo eIndia noxa elele kobandayo! 

Owasetyhini onabele uqaqaqa ufumene uloyiso kunyulo lorhulumente basekuhlaleni kwilizwe lase-India emva kokuba abaxhasi bakhe befezekise isithembiso sabo sokumxhasa noba sele elandulele eli.  

UAshiya Bi, ubengumgqatswa odumileyo obengenele ulonyulo ityeli lokuqala, wafumana phantse umyinge wevoti ezifikelele ku44% kwisikhundla somntu omele abahlali kumasipala iUttar Pradesh, okwelona phondo linabantu abaninzi kwelalizwe.  

Lomgqatswa uneminyaka engamashumi amathathu, uhlaselwe kukugula okuye kwamongamela, ingxelo zithi ebenesifo samaphaphu kunye nolwasuleleko zizifo kumzimba wangasezantsi kwaye usweleke kwintsuku ezilishumi elinesibini ngaphambi konyulo.  

Nangona umyeni wakhe ewaxelele amagosa onyulo malunga nokusweleka kwakhe, bezingekho inkqubo ezikhoyo zokususa igama lakhe kuluhlu lwabagqatswa, ngokokutsho kwegosa lesithili uBhagwam Sharan, itshilo ingxelo yeqonga leendaba iNTV. 

Njengoko besele ziqhuba inkqubo zonyulo kwaye zingazumiswa, abavoti bamxhase ngokumandla uBi, befezekisa isithembiso sakumxhasa esibonakalise intlonipho nokuzingca ngaye.  

Samsung Galaxy 14G

Lo mgqatswa ungasekhoyo ebenesakhono sokwenza ubudlelwane obuluqilima nabavoti, wafumana ulwazi olumandla ngethuba eqhuba iphulo lakhe. 

“UAshiya ubekwazi ukwenza abahlobo ngokukhawuleza kwaye abantu bebengafuni kutyeshela isithembiso sokumxhasa njengoko bebethembisile,” Utshilo umhlali onguMohammad Zakir exelela iphephandaba lese India i-the Times of India. 

Umyeni kaBi uMuntazim Qureishi umncome ngokuhlala  ethobekile kwaye wevakalisa umbulelo ngenkxaso enkulu ayifumanayo. 

Uphawule ngelithi, “Iivoti zethu sisikhumbuzo ngaye.” 

Omnye wabavoti uvakale esithi “Uliphumelele idabi ezintliziweni zethu.” 

Iqulunqwe yintatheli yethu 

Umfanekiso ongasentla: NguAshiya Bi 

Imvelaphi yomfanekiso: Ikhasi lika Twitter