Inyaniso ekrakrayo: Umyinge ka80% wabantwana beli abakwazi kufunda – nangaluphi na ulwimi 

Kubantwana abaneminyaka elishumi kweli kuloMzantsi Afrika abasibhozo eshumini abakwazi kufunda nangoluphi na ulwimi.

Oku kudizwe yingxelo yophando olwenziwa yiProgress International Reading Literacy Study (PIRLS), ekuluphando lwehlabathi oluqwalasele ukufunda kwabantwana abangamakhulu amane amawaka kwihlabathi liphela ngonyaka ka2021. Oluphando libeke ilizwe loMzantsi Afrika ekugqibeleni kumazwe angamashumi amahlanu anesixhenxe athathe inxaxheba koluphando.  

Oluphando luphinde lwabonakalisa izinga elixhalabisayo lokonyuka kwabantwana abangafundiyo kwilizwe loMzantsi Afrika lisuka kumyinge ka 78% ngonyaka ka2016 layakutsho kumyinge ka81%kuphando lwakutsha nje. 

Umphathiswa wesebe lezemfundo uAngie Motshekga ubalula ukuba lamanani adandathekisayo abhebhethekiswe kukuvalwa kwezikolo ngexesha lokuqhambuka kwentsholongwane iCovid-19. 

UMotshekga uyayivuma imiceli mngeni ehlangabezana nenkqubo yezemfundo yelizwe loMzantsi Afrika, kuquka iimeko zemvelaphi ezifana nentlupheko, ukungalingani kunye neziseko zezemfundo ezingonelanga.  

Samsung Galaxy 14G

Umyinge ka81% wabantwana boMzantsi Afrika babonakalise ukungakwazi kufundela ukuqonda befunda ngelwimi zolishumi elinanye ezisemthethweni kweli, ngokokutsho koluphando.  

Phakathi kwamazwe aseAfrika athathe inxaxheba kuvavanyo lokujonga ukubhala nokufundela ukuqonda phakathi kwabantwana abaneminyaka elithoba ukuya kwelishumi, uMzantsi Afrika, iMorocco kunye neEgypt abonakalise ukuba ngawona onganyelwe bubunzima.  

Oluphando lwenziwa rhoqo emva kweminyaka emihlanu xa kuphela unyaka, lubeka amazwe kuluhlu lwecandelo lezemfundo lwehlabathi ekhokhelwe siskhokhelo sehlabathi samakhulu amahlanu. 

ISingapore ithathe indawo yokuqala ngomyinge we587, ngelixa uMzantsi Afrika uhleli emsileni ngomyinge ka288%, ungaphantsi nakwilizwe lase Egypt elime kumyinge ka378. 

Okwengezeleleyo, oluphando lufumanise ukuba amantombazana enza kakhuhle ayawodlula amakhwenkwe ngokufumana imbasa zokufunda kumazwe amaninzi athathe inxaxheba, nangona isithuba sesini siya sincipha kuleminyaka yangoku. 

Ingxaki zoMzantsi Afrika zimile neengcambu, nemvelaphi yokungalingani phakathi kwabafundi abamnyama nabebala kuyeyona nto ingundoqo – engumphumela wenkqubo yexesha lombuso worhulumente wengcinezelo nocalucalulo. 

Ukanti lentlekele kwilizwe loMzantsi Afrika yenziwa ibhebhetheke nakukungabikho kwezixhobo ezifanelekileyo zokufunda kunye nokungabikho mgangathweni kwezakhiwo zezikolo kuquka neemfuno ezingundoqo ezifana nezindlu zangasese.  

Iqulunqwe yintatheli yeliqonga 

Umfanekiso ongasentla: Umntwana uyafunda