
Ixesha elongezelelweyo: Kuphele iisizini ezisibhozo iKaizer Chiefs ingaziboni iimbasa, kubhala uMicheal Madyirha.
Atshabalele amathemba okuba iqela laMakhosi lizakugqiba isizini liphethe nto esandleni emva kokukhutshelwa ngaphandle kwindebe yeNedbank Cup ekhutshwa zintshaba zawo iOrlando Pirates kwiveki ezimbini ezidlulileyo.
Okwenza izinto zibembi nangakumbi kuMakhosi kule sizini kukuba eliqela alifikelelanga kumaqela amathathu aphezulu kwiPremier Soccer League (PSL) kwaye oku kuthetha ukuba alizuba yinxalenye yamaqela azakukhuphisana kwiCAF Clubs Competitions kwisizini ezayo.
Ezingadlangadla zaseSoweto zisemngciphekweni wokuba iphele isizini zingaphandle kwamaqela amane aphezulu ukuba babethiwe kumdlalo wabo wokugqibela bezakudlala neCape Town City ngoMgqibelo.
Izakuba ngumdlalo wokuvala wesizini apho umqeqeshi uArthur Zwane ebenikwe umsebenzi wokukhokhela ukuvuselela abafana baseNaturena.
Kodwa kuba kuyiChiefs, enabalandeli ekunzima ukubonwabisa abasoloko benyanzelisa, abazukhathala kangako ukuba longumsebenzi oasaqhubayo, balindele uZwane ukuba aphelise eyona nto kudala beyilindile abuye nembasa.
Lomqeqeshi wohlulekile ukuzisa iziphumo ezifanelekileyo kwaye abalandeli abathile bebemfuna ezandleni bemfaka iziqhushumbisi emva kokubethwa ngenqaku eqandeni kwiveki ephelileyo libethwa yiSupperSport United.
Kulolonke udliwano ndlebe namaqonga endaba uZwane umile kwelokuba bahamba kakuhle nangona ukusilela kwabo bekucace gca.
Lomqeqeshi kufuneka abe ufunde isifundo esibuhlungu kakhulu emva kokuba abadlali bakhe abasebatsha behlulekile ukubuya neziphumo ezincomekayo kule sizini.
Ukuba kufuneka eqinisekise abalandleli be Chiefs ukuba ungumqeqeshi oyilungeleyo iChiefs, abadlali abasemgangathweni abafana nabe Mamelodi Sundowns kufuneka befikile eNaturena.
Akukho sidingo sokuba agxothe abadlali abanamava abafana no Leonardo Castro noSamir Nurkovic abebefumene ukonzakala.
Abadlali abancinci abafana noSamkelo Zwane noMduduzi Shabalala bebebodwa ebaleni, kungekho badlali banamava bazakubanika umfutho ebaleni.
Njengoko iingadlangadla zaseSoweto zivala isizini zingaphathanga nto esandleni, eli ingaba lithuba lokuba bazijonge babone apho benze okungafanelekanga, babuye bevutha amadangatye kwisizini ezayo.
Ukukhupha unozinti weqela lehlabathi kwilizwe laseNigeria uDaniel Akpeyi khange kuncede nganto njengoko uItumeleng Khune, uBrandon Peterson kunye no Bruce Bavuma bebetshintshisana ngokuvala amanqaku angamashumi amathathu anesibini kwimidlao yeligi engamashumi amabini anethoba.
Umfanekiso ongasentla: Umqeqeshi weKaizer Chiefs uArthur Zwane
Imvelaphi yomfanekiso: Iqela leKaizer Chiefs